bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Amos 7
Amos 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 8 →
1
YENJE nje ukundibonisa inkosi e nguyehova: bona ke, yadala imiqikela ekuqaleni kwokuhluma kwenca yasemva; bona ke, ibiyinca yasemva emva kwokusikelwa ukumkani.
2
Kwaza kwati, yakuba igqibile ukuyidla inca yelizwe, ndati: Nkosi Yehova! zuxolele ke! ngubanina u‐Yakobi ukuba eme? ngokuba emncinane yena.
3
Wati uyehova wanosizi pezu kwoku: Akuyi kubako, utsho uyehova.
4
Yenje nje ukundibonisa inkosi e nguyehova: bona ke, inkosi e nguyehova yabiza ukuba kupikwe ngomlilo, waza wayidla inzulu enkulu, wasidla nesabiwo.
5
Ndaza ndati: Nkosi Yehova! zuyeke ke! ngubanina u‐Yakobi ukuba eme? ngokuba emncinane yena.
6
Wati uyehova wanosizi pezu kwoku: Nako oku akuyi kubako, itsho inkosi e nguyehova.
7
Yenje nje ukundibonisa: kekaloku, nantsi inkosi imi pezu kwodonga olwakiweyo ngeplumete, inayo iplumete esandleni sayo.
8
Wayesiti uyehova kum: Yinto nina uyibonayo, Hamose? Ndati: Yiplumete. Yaza yati inkosi: Bona ke, ndoyibeka iplumete pakati kwabantu bam o‐Sirayeli; andisayi kupinda ndidlule kubo:
9
indawo ezipakamileyo zo‐Yisake zotiwa tshabalala, nendawo ezingcwele zo‐Sirayeli ziya kuci̔takaliswa; ndandiya kusukela ngakwindlu ka‐Jerobome ngesiṙele.
10
Wandula u‐Amatsiya, umperisite we‐Betele, watuma ku‐Jerobome, ukumkani wo‐Sirayeli, esiti: Ucebile ngakuwe u‐Hamose pakati kwendlu ka‐Sirayeli; ilizwe alingetwale onke amazwi ake.
11
Ngokuba etshilo u‐Hamose ukuti: u‐Jerobome uya kufa ngesiṙele; no‐Sirayeli uya kutinjwa ngenyaniso emhlabeni wake.
12
Waza u‐Amatsiya wati ku‐Hamose: Wena mboni! hamba, sabela elizweni lakwa‐Juda, uti apo usidle isonka, nalapo uprofiteshe:
13
kodwa ungabi sapinda ukuprofitesha e‐Betele: ngokuba yindawo engcwele yokumkani, ngumzi wobukumkani kanjalo.
14
Wandula wapendula u‐Hamose wati ku‐Amatsiya: Bendingenguye umprofite, bendingenguye nonyana womprofite: kodwa bendingumalusi wenkomo, nombuti wamakiwane:
15
waza wanditabata uyehova ekulandeleni umhlambi, waye uyehova esiti kum: Hamba, profitesha ebantwini bam o‐Sirayeli.
16
Ngako kaloku yiva ilizwi likayehova. Uti wena: Ungaprofiteshi ngaku‐Sirayeli; kanjako, ungaku̔pi lizwi ngakuyo indlu ka‐Yisake.
17
Ngako oko utsho uyehova ukuti: Umfazi wako woba ngumpinyiswa esixekweni; onyana bako nentombi zako baya kuwa ngesiṙele; nomhlaba wako uya kwabiwa ngentambo; nawe uya kufa emhlabeni onco̔lisekileyo; waye u‐Sirayeli eya kutinjwa ngenyaniso emhlabeni wake.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9