bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Amos 3
Amos 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 4 →
1
YIVANI elilizwi alitetileyo uyehova ngakuni, lusapo luka‐Sirayeli! ngakuso sonke isizalwane endasinyusayo elizweni le‐Jipete, lokuti:
2
Nina ndinazile kupela kuzo zonke izizalwane zomhlaba; ngako oko ndiya kuzohlwayela zonke inkohlakalo zenu pezu kwenu.
3
Bohamba ababini kunye na, ukuba abavumelani?
4
Yokonya na ingonyama ehlatini, nxa ingenanto yokuqwenga? yoku̔pa ilizwi layo na ingonyama entsha emnxunyeni wayo, ukuba ayibambanga nto?
5
Intaka iya kuwa na emgibeni pezu kwomhlaba, kungeko kuyo isigu? wojuba na umgibe emhlabeni, nxa kungabanjiswanga nanto?
6
Kwovutelwa ngexilongo esixekweni na, baze bangangcangcazeli abantu ke? kwobako ilishwa esixekweni na, engalenzanga uyehova nje?
7
Ngenyaniso ayiyi kwenza nto inkosi e nguyehova, ukuba ayityilanga iqinga layo kwizicaka zayo abaprofite.
8
Ikonyile ingonyama, ngubanina ongayi kwoyika? Itetile inkosi e nguyehova, ngubanina ongayi kuprofitesha?
9
Vakalisani kuzo izindlukazi e‐Ashedode, nakuzo izindlukazi ezweni le‐Jipete, niti: Zihlanganiseni pezu kwentaba zase‐Samariya, nizibone izipitipiti ezikulu ezikuyo, nembandezelo ezipakati kwayo.
10
Ngokuba bengazi ukwenza okulungileyo, utsho uyehova, abakubekelayo okuhlutiweyo nokubadiweyo kuzo izindlukazi zabo.
11
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwobako utshaba, lungqonga ilizwe ke; lwaluya kuhlisa amandla ako kuwe, nendlukazi zako ziya kupangwa.
12
Utsho uyehova ukuti: Njengokuba umalusi ehlangula emlonyeni wengonyama imilenze mibini, umhlaumbi intwana yendlebe, kwa njalo lwohlangulwa usapo luka‐Sirayeli, oluhleli e‐Samariya encameni yomandlalo, nase‐Damakusi encameni yento yokupumla.
13
Yivani, ninqi̔ne ngakuyo indlu ka‐Yakobi, itsho inkosi e nguyehova, utixo wemikosi,
14
ukuba ndoti, emhleni endiya kuzohlwayela izigqito zika‐Sirayeli pezu kwake, ndizohlwayele nezibingelo zase‐Betele; impondo zesibingelo ziya kunqanyulwa, ziwe pantsi emhlabeni.
15
Ndandiya kubeta indlu yobusika kunye nendlu yehlobo; izindlu zopondo lwendlovu zoti tshabalala, nendlu ezinkulu zoba nokupela, utsho uyehova.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9