bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Amos 8
Amos 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 9 →
1
Yenje nje ukundibonisa inkosi e nguyehova: kekaloku nasi isitya seziqa̔mo zehlobo.
2
Yaisiti: Yinto nina uyibonayo, Hamose! Ndati: Sisitya seziqa̔mo zehlobo. Waza wati uyehova kum: Ukupela sekufikele abantu bam o‐Sirayeli; andisayi kupinda ndidlule kubo.
3
Ingoma zendlukazi zoba zizililo ngomhla lowo, itsho inkosi e nguyehova; izidumbu zoba zininzi; kuzo zonke indawo kuya kulahlwa ngokuti tu.
4
Yivani oku, nina ninxameleyo abasweleyo! ukuze nigqibele amahlwempu elizwe,
5
nisiti: Yopela ninina inyanga etwasileyo, ukuba sitengise ngenqolowa; nesabata, ukuba sivulele inkozo? nisenza iyefa ibe ncinane, neshekele ibe nkulu, nipata ngobuxoki izilinganiselo zenkohliso:
6
ukuze sitenge amahlwempu ngemali, nabasweleyo ngesibini sezihlangu; siti namakoba enkozo sitengise ngawo.
7
Uyehova ufungile ubungcwalisa buka‐Yakobi, esiti: Ngenyaniso andisayi kulibala zonke izenzo zabo napakade!
8
Ilizwe aliyi kungcangcazela na ngenxa yoku? nabo bonke abemiyo kulo abayi kulila na? liya kunyuka lipela njengomlambo; liya kukukuliswa, lintywiliswe nokuntywiliswa, njenga ngawo umlambo wase‐Jipete.
9
Kwakuya kuti ngalomhla, itsho inkosi e nguyehova, ndolitshonisa ilanga emini enkulu, ndilenze ilizwe libe mnyama pakati kwemini esileyo.
10
Ndoyiguqula imitendeleko yenu ibe kukulila, nazo zonke ingoma zenu zibe kukukala; ndiya kunyusela pezu kwazo zonke izinqe intlakantlaka, napezu kwentloko zonke ubunqai; ndandiya kulenza ilizwe njengokulilelwa umntwana oyedwa, nokupela kwalo njengomhla oṙaṙa.
11
Bona ke, imihla iyeza, itsho inkosi e nguyehova, nxa ndiya kutuma indlala elizweni: ingeyeyokulanjelwa isonka, ingeyeyokunxanelwa amanzi, iyeyokuva amazwi kayehova.
12
Boti abantu babadule k olunye ulwandle kude kube lolunye ulwandle, nakuyo inode kude kube sempumalanga; baya kusukasuka ngokulifuna ilizwi likayehova, kanti abayi kulifumana.
13
Ngomhla lowo ziya kucubuka intombi zipela ezintle, namadodana, linxanwa:
14
abafungayo ityala le‐Samariya, batsho ukuti: Bomi botixo wako, Dane! nokuti: Bomi besiko le‐Beresheba! bowa kwa bona, bangabuyi bapakame.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9