bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Amos 2
Amos 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 3 →
1
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zika‐Mowabi, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwake; ngokuba etshisile amatambo okumkani we‐Edome ada aba yikalike.
2
Ngako ndiya kutuma umlilo e‐Mowabi, oya kuzidla izindlukazi zase‐Keriyote; waeya kufa u‐Mowabi ngesipitipiti, ngesimemezo, ngentlokoma yexilongo.
3
Ndandiya kunqamla umgwebi pakati kwayo, nazo zonke inkosana zayo ndozibulala kunye naye, utsho uyehova.
4
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zo‐Juda, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwabo; ngokuba umteto kayehova bewudelile, nemimiso yake bengayigcinanga; nezinto ezilulwimi zabo zibalahlekisile, ezo bazilandelayo oyise babo.
5
Ngako ndiya kutuma umlilo kwa‐Juda, oya kuzidla izindlukazi zase‐Yerusaleme.
6
Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zo‐Sirayeli, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwabo; ngokuba betengisile abalungileyo ngesilivere, nabasweleyo ngesibini sezihlangu;
7
ababefulelayo utuli lwomhlaba pezu kwentloko yamahlwempu, nendlela yabalulamileyo bayayipambukisa; indoda noyise wayo bayangena kwenye intombi, ukuze balidyobe igama lam elingcwele;
8
bayazolula pezu kwengubo ezibanjiselweyo, kufupi nezibingelo zonke; bayasela iveyine yabahlaulisiweyo, endlwini yotixo babo.
9
Noko, ebendim owatshabalalisayo um‐Amori pambi kwabo, obude bunjengobude besedare, obenamandla njengeyeke; ndatshabalalisa ke isiqa̔mo sake pezulu, nengcambo zake ngapantsi.
10
Kanjalo ebendim owabeninyusa elizweni le‐Jipete, ndanikokela entlango iminyaka yamashumi mane, niye kufuya ilizwe lom‐Amori.
11
Ndaza ndavusa konyana benu babe ngabaprofite, nakwamadodana enu abe ngabanaziri. Akunjalo na, nina lusapo luka‐Sirayeli? utsho uyehova.
12
Kodwa nabeniseza abanaziri iveyine, nabayalela abaprofite ngokuti: Ningaprofiteshi.
13
Bona ke, ndiya kunishicilela pantsi, njengokuba ishicilela inqwelo ezele zizitungu.
14
Ngako intsabo iya kububela onamendu, nowomeleleyo akayi kuwomeleza amandla ake, noliṙoti akayi kuzisindisa yena.
15
Kanjalo opeteyo isipeta akayi kuma, nonyawo zinamendu akayi kusinda; okweleyo ehasheni akayi kuzisindisa naye.
16
Ewe, ontliziyo ikalipileyo pakati kwamaṙoti uya kwesaba zé ngomhla lowo, utsho uyehova.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9