bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ephesians 2
Ephesians 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 3 →
1
NANI nifile nje ngeziposo nangezono, —
2
enibe nifudula nihamba kuzo ngokwesiko lelizwe eli, ngokwompati wobukosi basesibakabakeni, womoya osebenzayo kaloku elusatsheni lwokungeva;
3
esasite kwa tina sonke safudula sinokuhlala kwetu pakati kwalo ezinkanukweni zenyama yetu, sisenza inqweno zenyama nezenkumbulo, saye sibe singabantwana bomsindo ngemvelo, kwa njengabo nabanye:
4
kodwa utixo, etyebile etaṙwini nje, ngenxa yotando lwake olukulu owasitanda ngalo,
5
kwa okuya sibe sifile ngeziposo zetu, wasipilisa kunye no‐Kristu, (nisindiswe lufefe,)
6
wasivusa kunye naye, wasihlalisa kunye naye kwezasezulwini indawo, ku‐Kristu Yesu;
7
ukuze ati emaxesheni azayo abonakalise ubutyebi obudluliseleyo bofefe lwake ebubeleni ngakuti ku‐Kristu Yesu.
8
Ngokuba nisindiswe lufefe ngalo ukolo; kungaveli nje oku ngokwenu, kusisipo sikatixo;
9
kungengemisebenzi, ukuze kungaqa̔yiswa mntu:
10
ngokuba sisisenzwa sake, sidalelwe imisebenzi elungileyo ku‐Kristu Yesu, eyabilungiselelwa pambili ngutixo, ukuze sihambe kuyo.
11
Ngako oko kumbulani, ukuba nina fudula ningabaheyideni enyameni nje, e‐kutiwa ningabanokungaluki ngabo kutiwa bangabanokwaluka okwenziwayo ngezandla enyameni,
12
ukuba ke ngeloxesha nibe ningenaye u‐Kristu, nahlukene nobuzwe bo‐Sirayeli, ningazani nazo ingcebano zedinga, ningenalo itemba, ningenaye utixo elizweni;
13
kodwa kaloku ku‐Kristu Yesu, nina enibe nifudula nikude senizisiwe kufupi ngegazi lika‐Kristu.
14
Ngokuba yena eluxolo lwetu, owabenza bobabini babe banye, nodonga lwapakati lwesahlukaniso waluci̔ta,
15
ubutshaba ebutshabalalisile nje enyameni yake, kwa umteto wemiyalelo isemimiselweni; ukuze abo babini abadale babe ngumntu omtsha emnye kwa kuye yena, esenza uxolo nje;
16
nokuba abaxolisane notixo bobabini emzimbeni mnye ngayo ikuruse, ebubulele ubutshaba nje kwa kuyo:
17
waza weza washumayela uxolo kuni enibe nikude, nakubo abo babekufupi:
18
kuba ngaye yena sinokungeniswa sobabini ngomoya emnye kuye uyise.
19
Ngako ke, anisengabasemzini nabapambukeli, ningabobuzwe bunye kunye nabangcwele, nabendlu katixo,
20
nakelwe nje pezu kwokuseka kwabapostile nabaprofite, yena u‐Yesu Kristu ngokwake elilitye eliyintloko yegumbi;
21
esiti kuye sonke isakiwo silinganiswa sihlanganiselwa kunye sikule sibe yitempile engcwele enkosini;
22
eniti kuyo nani nakiwe kunye nibe yindawo yokuhlala katixo kuye umoya.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6