bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ephesians 6
Ephesians 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
1
Nina bantwana! yivani abazali benu enkosini; ngokuba oku kufanelekile.
2
Beka uyihlo nonyoko, (oti lo ungumyalelo wokuqala unedinga,)
3
ukuze kulunge kuwe, nokuba uhlale kade emhlabeni apa.
4
Nani, boyise! ningavuseli abantwana benu ingqumbo; niti nibondlele ekululekeni nasekuyaleni kwenkosi.
5
Nina makonza! yivani abazinkosi zenu ngokwenyama, ninokwoyika nokututumela, ngolungelelwano lwentliziyo yenu, nisenjenjalo njengakuye u‐Kristu;
6
kungabi ngenkonzo yamehlo njengabakolisabantu, kube njengamakonza ka‐Kristu; nisenza intando katixo kwa ngentliziyo;
7
nikonza ngokutanda, njengakuyo inkosi, kungekubo abantu;
8
nisazi nje ukuba into elungileyo asukuba eyenza umntu, yona le uya kubuya ayamkele kwinkosi, nokuba ulikonza, nokuba ungokululekileyo.
9
Nani, zinkosi! izinto ezikwa zizo zenzeni kuwo, niyeka ukusongela: nisazi nje ukuba kwa neyenu inkosi isezulwini, nokuba akuko ukuketa abantu kuyo.
10
OKO kuseleyo, bazalwana bam! yibani nokwomelezeka enkosini, nasemandleni obomelelo bayo.
11
Yambatani konke ukuxo̔ba kukatixo, ukuba nibe namandla ukuma ngakuwo amaqinga ka‐Satane.
12
Ngokuba ukulwa kwetu kungengakuyo inyama negazi, kungakubo abanobupati, ngakubo abanegunya, ngakubo abapatilizwe bobumnyama belilizwe likoyo, ngakubo omoya benkohlakalo kwezasezulwini indawo.
13
Ngenxa yoku tabatani konke ukuxo̔ba kukatixo, ukuze nibe namandla ukumela emhleni ombi, nokuti nikufezile kwa konke nje nime.
14
Yimani ngoko, nisibinqile isinqe senu ngenyaniso, nisambete nesigcinisifuba sobulungisa,
15
nenyawo zenu nizifakile izihlangu zokulungiselela kwevangeli yoxolo;
16
pezu kwazo zonke ezizinto, nilitabatile ikaka lokolo, eniya kuba namandla ngalo ukucima zonke intolo ezitshayo zokohlakeleyo;
17
nize namkele umnqwazi wosindiso, nesiṙele somoya, esililizwi likatixo;
18
nitandaza ngamaxesha onke kumoya ngako konke ukutandaza nokukunga, nipapamela kwa yona lento, kuko konke ukuzingisa nokukunga ngenxa yabo bonke abangcwele;
19
nikung ela kwa nam, ukuba ndinikwe ilizwi ekuvuleni umlomo wam, ndize nditi ngokukalipa ndiyazise imfihlakalo yevangeli,
20
enditi ngenxa yayo ndisisitunywa emxokelelwaneni; ukuba kuyo nditete ngokukalipa, njengoko ndifanele ukuteta ngako.
21
Kodwa ukuze nizazi nani indawo zam, ukuba kunjanina ukuhlala kwam, uya kunazisa zonke izinto u‐Tikikusi, ongumzalwana otandiweyo nomkonzi onyanisekileyo enkosini;
22
endimtumele kwa yona lento kuni, yokuba nikuqonde okwetu, nokuba azonwabise intliziyo zenu.
23
Uxolo malube kubo abazalwana, notando ndawonye nokolo, luvela kutixo uyise nenkosi u‐Yesu Kristu.
24
Ufefe malube nabo bonke abatandayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu kokungenakwonakala. Amene.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
All chapters:
1
2
3
4
5
6