bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ephesians 5
Ephesians 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
1
Yitini ngoko nibe ngabalandeli bakatixo, njengabantwana abatandiweyo;
2
nihambe elutandweni, njengokuba no‐Kristu wasitandayo tina, wazinikela ngenxa yetu, umnikelo nedini kutixo, abe livumba elimnandi.
3
Kodwa umbulo, nako konke ukuncóla, nokubawa, makungake kukankanywe pakati kwenu, njengokuba kufanele abangcwele;
4
kwa nobuṙeletyo, nokubidiza, nokucika, izinto ezingafanelekileyo; koko ngokukumbi makubeko ukubulela.
5
Ngokuba oku ninokukwazi, ukuba akuko namnye owenza umbulo, umhlaumbi onco̔lileyo, umhlaumbi olibawa, elingumkonzi wezitixo, onalo ilifa ebukumkanini bake u‐Kristu notixo.
6
Makungabiko mntu onikohlisayo ngamazwi angendawo: ngokuba ngenxa yezizinto umsindo katixo usiza pezu kwalo usapo lwokungeva.
7
Ize ngoko ningabi ngamakolwane alo.
8
Ngokuba benifudula nibumnyama, kodwa kaloku nikukukanya enkosini: hambani njengabantwana bokukanya, (
9
ngokuba isiqa̔mo somoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso,)
10
nilinga ukuba yinto nina ekolekileyo kwinkosi.
11
Ize ke ningabi nabudlelana nayo imisebenzi eputileyo yobumnyama, keniti kodwa ngokukumbi niyohlwaye.
12
Ngokuba izinto ezenziwayo ngabo ngasese, kuyinto embi nokuziteta.
13
Kodwa zonke ezi zinto zakuba zisohlwayiwa, ziyabonakaliswa kuko ukukanya: ngokuba konke okubonakalisayo kukukukanya.
14
Ngako oko uti: Vuka wena uleleyo! usuke kwabafileyo, waeya kuti u‐Kristu akukanyisele.
15
Lumkani ngoko ukuba niti nina ukuhamba ngokuku̔tala, kungabi njengabangalumkileyo, kube njengabalumkileyo,
16
nizitengela ituba nje, kuba imihla mibi.
17
Ngenxa yoku ningabi zizidenge, nibe niqonda into iyiyo intando yenkosi.
18
Kanjalo ninganxili yiveyine, okukoyo ngako ububedengu; niti nizaliswe ngomoya;
19
niteta omnye nomnye ngamaculo, nangengoma zokudumisa, nangezivumo ezibumoya, nivuma nicula nokucula entliziyweni yenu kwinkosi,
20
nibulela ngamaxesha onke ngenxa yazo zonke izinto kuye utixo noyise, egameni lenkosi yetu u‐Yesu Kristu,
21
nilulamela omnye kwomnye ekwoyikeni utixo.
22
Nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda, njengakuyo inkosi;
23
ngokuba indoda iyintloko yomfazi wayo, njengokuba naye u‐Kristu eyintloko yeṙemente, ekwa nguye ongumsindisi womzimba.
24
Kukona njengokuba yona iṙemente ilulamela ku‐Kristu, kwa njalo nabo abafazi mabalulamele kwawabo amadoda kuko konke.
25
Nina madoda! tandani abenu abafazi, njengokuba naye u‐Kristu wayitanda iṙemente, wazinikela ngenxa yayo;
26
ukuze ayenze ngcwele, e yi hlanzile nje ngokuhlamba kwamanzi elizwini,
27
ukuze ayimisele kwa kuye ibungcwalisa, yona iṙemente, ingenabala, ingenambimbi, ingenanye yezinto ezinjalo; koko ukuze ibe ngcwele, ibe msulwa.
28
Ngokunjalo amadoda afanelwa kukutanda abawo abafazi, njengeyawo imizimba. Otandayo owake umfazi, uyazitanda yena.
29
Ngokuba kungeko mntu owaka watiya eyake inyama; uti ayondle, ayonge, njengokuba nayo inkosi isenzela njalo iṙemente:
30
kuba singamalungu omzimba wayo, kwinyama yayo, nakwamatambo ayo.
31
Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, boti abo babini babe yinyama nye.
32
Imfihlakalo le yenkulu; mna kodwa ndiyateta ndibeka kuye u‐Kristu nakuyo iṙemente.
33
Noko ke nani abanye ngabanye, makati omnye nomnye enje njalo ukutanda owake umfazi njengokuba ezi tanda yena; naye umfazi, makahlonele indoda yake.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6