bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ephesians 3
Ephesians 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 4 →
1
NGENXA yalendawo mna Paulusi, umbanjwa ka‐Kristu Yesu ngenxa yenu baheyideni, —
2
ukuba kambe nivile ulwabo lwofefe lukatixo olwanikwa kum ngakuni;
3
okokuba wati ngesityilo wandazisa imfihlakalo, njengokuba ndiba̔lile pambili ngokufutshane,
4
eningati kwa ngako, nakulesesha, nikunakane ukuqonda kwam emfihlakalweni ka‐Kristu,
5
ebite kwizimbi izizukulwana ayaziswa konyana babantu, njengoko ityiliweyo kaloku kubapostile bake abangcwele nabaprofite ngomoya;
6
yokuba abaheyideni bazindlalifa kunye, nabomzimba okwa mnye, nababelwane bedinga lake, kuye u‐Kristu, ngayo ivangeli;
7
endaba ngumkonzi wayo, njengokwesipiwo sofefe lukatixo, endanikwa sona njengokwokusebenza kwamandla ake.
8
Kwa kum, endimncinane kwabancinane kubo bonke abangcwele, lwanikwa ufefe olu, lwokuba ndibushumayele pakati kwabaheyideni ubutyebi obungalandekiyo buka‐Kristu,
9
nokuba ndibonise bonke abantu into buyiyo ubudlelane bemfihlakalo, ete kwa sekuqalekeni kwamaxesha akudala yafihlelwa kutixo, owadala zonke izinto ngaye u‐Yesu Kristu;
10
ukuze kwaziswe kaloku kwabanobupati nakwabanegunya kwezasezulwini indawo ngayo iṙemente ubulumko obupindapindiweyo bukatixo,
11
ngokwemvume yasemaxesheni akudala, leyo wayenzayo ku‐Kristu Yesu inkosi yetu;
12
esiti kuye sinokukalipa kwetu nokungeniswa kwetu, ngobuganga, ngalo ukolo olukuye.
13
Ngako oko ndiyanibongoza ukuba maningabohli ezimbandezelweni zam ngenxa yenu, eziti zona zibubungcwalisa benu.
14
Ngenxa yalendawo ndiyagoba amadolo am kuye uyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu,
15
ekuvela kwa kuye ukubizwa kwazo zonke izizalwane ezisezulwini nezisemhlabeni ngegama,
16
ukuba ati ngokwobutyebi bobungcwalisa bake, aninike ukwomelezelwa ngamandla ngaye umoya wake kowapakati umntu,
17
aze u‐Kristu ahlale ngalo ukolo ezintliziyweni zenu; nina nendele nisekelwe nokusekelwa elutandweni nje;
18
ukuze ke nikolise ukuba namandla ukuqiqa, kunye nabo bonke abangcwele, ukuba buyinto nina ububanzi, nobude, nobunzulu, nobupakamo, —
19
nokulwazi utando luka‐Kristu olunqabeleyo ukwazi, ukuze nizaliswe kude kube kuko konke ukuzala kukatixo.
20
Kekaloku kuye onamandla ukwenza ngokupezulu kwizinto zonke, ngokupezulu kakulu ngakumbi kwezo sizicelayo nesizicamngcayo, ngokwamandla asebenzayo kuti,
21
kuye lowo makubeko ubungcwalisa eṙementeni, ku‐Kristu Yesu, kuzo zonke izizukulwana kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6