bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ephesians 4
Ephesians 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 5 →
1
NDIYANIKUNGA ngoko, mna endingumbanjwa enkosini, ukuba nihambe ngokufanele olobizwa nabizwayo ngalo,
2
ninako konke ukutobeka kwentliziyo nokululama, ninokuzeka kade, ninyamezelana elutandweni,
3
ninxamela ukugcina ubunye bomoya embanjweni woxolo.
4
Kuko umzimba umnye, nomoya emnye, njengokuba kanjalo nibe nibiziwe etembeni linye lobizwa lwenu;
5
inkosi inye, ukolo lunye, ubapitizesho lunye;
6
utixo noyise wabo bonke emnye, opezu kwabo bonke, nangabo bonke, nakuni nonke.
7
Kodwa kuti tina sonke abanye ngabanye kwanikwa ufefe esinalo ngesilinganiselo sesipo sika‐Kristu.
8
Ngako oko uti: Akunyukela enyangweni, watimba amatinjwa, wanika izipiwo ebantwini. (
9
Kekaloku lento yokuti wenyuka, yinto nina ke kupela ukuba wati kanjalo matanci wehlela ezindaweni zapantsi zomhlaba?
10
owehlayo, nguyena kanjalo owenyukela pezulu pezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise izinto zonke.)
11
Waza yena ngokwake wanika abanye babe ngabapostile, nabanye babe ngabaprofite, nabanye babe ngabavangeli, nabanye babe ngabalusi nabafundisi;
12
kuze kuzalisekiswe abangcwele, ngenxa yomsebenzi wobukonzi, ngenxa yokwakiwa kwomzimba ka‐Kristu;
13
side siti tina sonke sifikelele kubunye bokolo nobokwaziwa kwonyana katixo, kwindoda ekulileyo, kumlinganiso wobude bobuzala buka‐Kristu:
14
ukuze singabi sengabantwana, sijingajingiswa siqu̔tywaqu̔tywa yiyo yonke imimoya yemfundiso, ekunyangeni kwabantu, ebuqokolweni obuyelela ubuqinga bolahlekiso;
15
kodwa siti, sibamba inyaniso elutandweni nje, sikulele kwa kuye ezintweni zonke, oyintloko, u‐Kristu:
16
okuye uti umzimba wonke, ulinganiswa uhlanganiselwa kunye ubandakanywa nokubandakanywa ngawo onke amalungu kunikwa ukwonga ngawo, ngokwokusebenza okulingana nendawo zonke ezinye ngezinye, wenze ukukula kwawo umzimba uze uzake elutandweni.
17
OKU ke ndiyakutsho, ndikunqi̔ne enkosini, ukuba ningabi sahamba njengokuba besenje njalo nabanye abaheyideni ukuhamba, ekumateni kwoluvo lwabo,
18
benziwe mnyama ekuqondeni kwabo, bahlukene nobomi bukatixo, ngenxa yokungazi okukubo, ngenxa yobulukuni bentliziyo yabo:
19
abate bebujelwe kukuva nje bazilahlela ebutshinitshinini, kuze kwenziwe ubunco̔la bonke ngobubawa.
20
Kodwa nina animfundanga u‐Kristu ngokunjalo;
21
ukuba nite kambe neva yena, nafundiswa kuye, njengokuba injalo inyaniso ku‐Yesu;
22
ukuba niti, okwokumila kwenu kwapambili, nimtule umntu omdala, oman’ ukwonakala ngokwenkanuko zenkohliso,
23
nibe nihlaziywa emoyeni woluvo lwenu;
24
nize nimambate umntu omtsha, ote ngokufuza utixo wadalwa ebulungiseni nasebungcweleni benyaniso.
25
Ngako oko, senibeka nxamnye nje ubuxoki, tetani inyaniso nonke ngabanye nommelwane wenu; kuba singamalungu omnye nomnye.
26
Qumbani, ize ningoni ke: ilanga malingatshoni pezu kwengqumbo yenu;
27
ninganiki indawo ku‐Satane kanjalo.
28
Oba̔yo makangabi seba̔: kodwa ngokukumbi makasebenze, esenza oko kulungileyo ngezandla zake, ukuze abe nako ukwabela lowo unokuswela.
29
Makungapumi nakunye ukuteta okubolileyo emlonyeni wenu, makube koko kusukuba kulungele ukumiswa kwokuswela okukoyo, ukuze kunike ufefe kwabakuvayo;
30
ize ke ningamdanisi umoya oyingcwele katixo, enanite kuye nancanyatiselelwa imini yokukululwa.
31
Makukweleliswe kuni bonke ubuṙaṙa, nomsindo, noqumbo, nengxolo, nogxeko, kunye nalo lwonke ulunya;
32
kodwa yibani ninobubele omnye kwomnye, ninenceba, nixolelana, njengokuba ete notixo ku‐Kristu waxolela nina.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6