bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Galatians 1
Galatians 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 2 →
1
UPAULUSI umpostile, (kungaveli ebantwini, kungengaye umntu kanjalo, kungaye u‐Yesu Kristu, notixo uyise, owamvusa ekufeni,)
2
nabo bonke abazalwana abanam, kuzo iṙemente zase‐Galati:
3
Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo uyise, nenkosi yetu u‐Yesu Kristu,
4
owazinikelayo ngenxa yezono zetu, ukuze asihlangule kulo elikoyo ilizwe elikohlakeleyo, ngokwentando yake utixo nobawo wetu,
5
okuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
6
Nditi nqa ukuba nipambuka kamsinya kangaka kulowo owanibizayo ngofefe luka‐Kristu, nipambuk ela kwiyimbi ivangeli:
7
engeyiyo enye noko; kupela bako inxenye abanipitizelisayo, abafuna ukuyiguqula ivangeli ka‐Kristu kanjalo.
8
Kodwa nakuba siti tina, umhlaumbi iti ingelosi yasezulwini ishumayele kuni ivangeli epambana naleyo sayishumayela kuni, maibe yinto eqalekisiweyo.
9
Njengokuba sitshilo pambili, kwa njalo kaloku ndibuya nditi: Ukuba umntu uyanishumayeza ivangeli epambana naleyo nayamkelayo, makabe yinto eqalekisiweyo.
10
Ngokuba kaloku nditomalalisa abantu, utixo, kusinina? umhlaumbi ndifuna ukukolisa abantu na? ngokuba abantu ukuba ndibe ndisakolisa bona, ndinge ndingabi ndisisicaka sika‐Kristu.
11
Kekaloku ndiyanazisa, bazalwana! ivangeli eyabishunyayelwa ndim ukuba ayingokwabantu.
12
Ngokuba mna bendingayamkelanga emntwini, bendingayifundiswanga nakanjako, koko ndayamkelayo ngaso isityilo sika‐Yesu Kristu.
13
Ngokuba benivile ukumila kwam bendifudula ndinako ebujudeni, okokuba ndibe nditshutshisa iṙemente katixo ngento egqitisileyo, ndayici̔ta;
14
nokuba ndamana ndihambisa ebujudeni ngapezu kwabaninzi abebeyintanga nye nam esizweni sakowetu, ndizondelela kakulu ngakumbi nje izinikelo zobawo bam.
15
Kodwa akutanda utixo, owandahlulayo kwa sezizalweni sikama̔, wa ndi biza ngalo ufefe lwake,
16
ukuba atyile unyana wake pakati kwam, ukuze ndishumayele yena pakati kwabaheyideni; ndati kwa oko, andabuzana nayo inyama negazi,
17
andanyukela e‐Yerusaleme kanjako kubo abebengabapostile pambili kum, koko ndemkayo ndaya e‐Arabi, ndaza ndabuyela e‐Damakusi kanjako.
18
Ndandula ndati, emveni kweminyaka mitatu, ndenyukela e‐Yerusaleme ukuya kwazana no‐Petrosi, ndalibala kuye intsuku zalishumi linantlanu.
19
Kodwa omnye wakubo abapostile andambona, kupela u‐Yakobi umzalwana wenkosi.
20
Kekaloku izinto endiziba̔layo kuni, bona ke, nditi ebusweni bukatixo andixoki.
21
Emveni kwoko ndeza emazweni ase‐Siriya nawase‐Silisiya.
22
Kodwa ndahlala ndingaziwa ngobuso kwiṙemente zase‐Judeya eziku‐Kristu.
23
Bebesiva ke kupela ukuba kwatiwa: Lowo ubefudula esitshutshisa, uyalushumayela kaloku ukolo abefudula eluci̔ta.
24
Baza bamdumisa utixo kum.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6