bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Galatians 4
Galatians 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 5 →
1
KEKALOKU nditi: Lonke ixesha oyindlalifa asengumntwana ngalo, akahluki kwikonza nganto, nakuba eyinkosi yako konke;
2
koko engapantsi kwabondli namagosa, kude kube lixesha elimisiweyo nguyise.
3
Kwa njalo nati, okuya sibe singabantwana, sibe sisebukonzweni ngapantsi kwazo iziqalelo zelilizwe:
4
kodwa okuya ukuzaliseka kwexesha bekufikile, wati utixo watuma unyana wake, ezelwe ngomfazi, ezelwe ngapantsi kwomteto,
5
ukuze abo babengapantsi kwomteto abakulule, ukuze sibamkele ubunyana.
6
Kanjalo ukuba ningonyana, wati utixo watumela ezintliziywenu zenu umoya wonyana wake, ebiza ukuti: Aba, Bawo!
7
Kwa njalo ke akusabi likonza, ungunyana; nokuba ungunyana, uyindlalifa katixo ngaye u‐Kristu kanjako.
8
Kodwa oko okunene, ningamazi nje utixo, nakonza abo bangengotixo ngemvelo.
9
Kodwa kaloku, nakuba nimazile utixo, ewe pezu kwoku nakuba naziwe ngutixo, yinina ukuba nibuya niguqukele kwezoziqalelo ezibutataka ezibuhlwempu, enifuna ukuzikonza kanjako ngokutsha?
10
Niyaku̔tala ukugcina imihla, nenyanga, namaxesha, neminyaka.
11
Ndinokwoyika ngani, ukuba kungati ndifumane ndanisebenzela.
12
Ndiyanitandaza, bazalwana! yibani njengam, kuba nam ndiba njengani. Anandona nganto.
13
Ewe niyazi ukuba bekungenxa yobulwelwe benyama yam endayishumayela ivangeli kuni matanci:
14
nesilingo sam esibe sisenyameni yam anasidela, anasicekisa nokusicekisa; koko nandamkelayo njengengelosi katixo, njengo‐Kristu Yesu.
15
Bebubobanina ngoko ubutamsanqa enati ninabo? kuba ndininqi̔nela okokuba ninge nite, ukuba bekusenzeka, nawadonyula amehlo enu, nawapa mna.
16
Ndize ndaba lutshaba lwenu na, ndinitetela inyaniso nje?
17
Bayanizondelela ke, kungengandawo efanelekileyo; ewe bayafuna ukunivalela ngapandle, ukuze nibazondelele bona.
18
Kodwa kulungile ukuba kuzondelelelwe ngokufanelekileyo ngamaxesha onke, kungekokuya ndikoyo kuni kodwa.
19
Lusatshana lwam! endinenimba yokunizala kanjako, ade u‐Kristu afanekiselwe kuni,
20
bendingatandayo okunene ukubako kuni kaloku, nokuguqula ilizwi lam, kuba ndixakekile ngani.
21
Ndixeleleni, nina nitandayo ukuba ngapantsi kwomteto, aniwuva na umteto?
22
Ngokuba kuba̔liwe ukuba u‐Abrahame ebenonyana ababini; omnye ngekobokakazi, nomnye ngomfazi okululekileyo.
23
Koko lowo wekobokakazi ebezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okululekileyo wazalwa ngalo idinga.
24
Eziti ezizinto zitetwa ngokulinganisela: ngokuba aba bafazi bezingcebano ezimbini; olunye luvela entabeni ye‐Sinai, luzalela ubukoboka, oluti lona lungu‐Hagare:
25
(ngokuba eli gama u‐Hagare liyintaba ye‐Sinai e‐Arabi:) kanjalo uyalungelelana ne‐Yerusaleme ekoyo ngoku, eti ke ikonze ndawonye nabantwana bayo.
26
Kodwa i‐Yerusaleme epezulu ikululekile, eti yona inguma̔ wetu sonke.
27
Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Vuya, ludlolokazi olungazaliyo! gqabuka udanduluke, wena ungenanimba! kuba bebaninzi abantwana balowo oyedwa ngapezu kwabalowo onendoda.
28
Kodwa tina, bazalwana! njengokuba u‐Yisake ebenjalo, singabantwana bedinga.
29
Kuloko njengokuba oko lowo ubezelwe ngokwenyama watshutshisa lowo ubezelwe ngo kwomoya, kukwa njalo nakaloku.
30
Noko siti nina isiba̔lo? Gxota ikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana wekobokakazi engasayi kulidla ilifa ndawonye nonyana womfazi okululekileyo.
31
Ngako ke, bazalwana! asingabantwana bekobokakazi, singabake umfazi okululekileyo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6