bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Galatians 6
Galatians 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
1
BAZALWANA! xeshekweni umntu aka abaqelwe sisiposo, yitini nina ninga bomoya nilungise onjalo emoyeni wolulamo; wena uzigqala nje, hleze nawe uzingwe.
2
Twalani omnye ubunzima bomnye, niti ngokunjalo niwufeze umteto ka‐Kristu.
3
Ngokuba umntu ukuba uba uyinto, nxa angento, ekohlisa eyake intliziyo.
4
Kodwa bonke ngabanye mabalinge owabo umsebenzi, baye beya kuti oko babe nako bangaqa̔yisayo ngako kokwabo bodwa, kungekokwabanye abantu.
5
Ngokuba bonke ngabanye beya kutwala owabo umtwalo.
6
Kodwa makati lowo ufundiswayo ilizwi abelane nalowo ufundisayo kuzo zonke izinto ezilungileyo.
7
Ize ningakohliswa ke: utixo akanakuhlekwa; ngokuba oko asukuba ekuhlwayela umntu, kona oku uya kukuvuna kanjalo.
8
Kuba ohlwayelelayo eyake inyama eya kuti kwa kuyo inyama avune ulwonakalo: kodwa ohlwayelelayo umoya woti kwa kuye umoya avune ubomi obungunapakade.
9
Kodwa masingadinwa sisenza okulungileyo; ngokuba siya kuti ngexesha elifanelekileyo sivune, ukuba kaloku asicubuki.
10
Ngako ke, njengokuba sinalo ituba, masenze oko kulungileyo kubo bonke, kube kakulu kodwa kubo abangabendlu yokolo.
11
BONANI amagama amakulu kangakanana endiba̔lileyo ngawo kuni ngesam isandla.
12
Bonke abafunayo ukwenza ukubonakala okuhle enyameni, bona aba bayaninyanzela ukwaluka; kukodwa ukuze bangatshutshiselwa ikuruse ka‐Kristu.
13
Ngokuba kwa bona abalukayo bengabambi umteto ngokwabo; koko befuna ukuba nina naluke, ukuze baqa̔yise enyameni yenu.
14
Kodwa makube le kum ukuba ndiqa̔yise, kupela ndiqa̔yise ekuruseni yenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ekungaye ilizwe likuruseshiwe kum, nam ndikuruseshiwe kwilizwe.
15
Ngokuba kuye u‐Kristu Yesu kungekukwaluka okunamandla nganto, kungekukungaluki nakanjako, kusisidalwa esitsha.
16
Nabo bonke abahambayo ngalommiso, uxolo malube pezu kwabo, nobubele, napezu kwobu‐Sirayeli bukatixo.
17
Kaloku makungabi sabiko mntu ondikatazayo: ngokuba mna ndizitwala izibanda zenkosi u‐Yesu emzimbeni wam.
18
Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana! Amene.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
All chapters:
1
2
3
4
5
6