bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Galatians 5
Galatians 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
1
QINISANI ukuma ngoko kulonkululeko usenzile sikululekile ngayo u‐Kristu, nize ningabuyi nibanjelwe eyokweni yobukoboka.
2
Kangela, mna Paulusi nditi kuni: Xeshekweni nalukayo, u‐Kristu akayi kuninceda luto.
3
Ewe ndiyanqi̔na kanjako kumntu osukuba esaluka, ukuba unetyala lokuba awenze wonke umteto.
4
Nahlukanisiwe no‐Kristu, nina enifun’ ukugwetyelwa emtetweni; niwile elufefeni.
5
Ngokuba tina ngaye umoya silinda itemba lobulungisa ngokolo.
6
Ngokuba kuye u‐Kristu Yesu kungekukwaluka okunamandla nganto, kungekukungaluki nakanjako, kulukolo olusebenzayo ngalo utando.
7
Nibe nibaleka kakuhle; ngubanina owaninqandayo ukuba ningayilulameli inyaniso?
8
Esisicengo asiveli kulowo unibizayo.
9
Igwele elincinane liyabilisa lonke isimba lentlama.
10
Mna ke ndinokutemba ngakuni enkosini, ukuba aniyi kunyamekela into yimbi: kodwa lowo unipitizelisayo uya kutwala ukugwetywa kwake, noko angubanina.
11
Kodwa mna, bazalwana! ukuba ndisashumayela ulwaluko, yinina ukuba ndisatshutshiswa? kukona sitshabaleleyo izixakaniso sekuruse.
12
Akwaba bebeya kuzinqamla ke kuni abo banixalisayo!
13
Ngokuba nina benibizelwe inkululeko, bazalwana! ize kodwa ninga pati inkululeko yenu ibe lituba kwinyama, niti nikonzelane ngalo utando.
14
Ngokuba wona umteto wonke uzalisekiswa kwilizwi linye, kwelokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzi tanda kwako.
15
Kodwa ukuba niti nilumane nidlane, lumkani ukuba ningagqityelwa omnye ngomnye.
16
Kekaloku nditi: Hambani ngomoya, naye ningayi kwandula inkanuko yenyama niyifeze.
17
Ngokuba yona inyama ikanukela ngakuye umoya, naye umoya ekanukela ngakuyo inyama: ezi ke ziyapambana enye nenye, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nitanda ukwenza zona.
18
Kodwa ukuba niyakokelwa ngumoya, aningapantsi kwomteto.
19
Kekaloku imisebenzi yenyama iyabonakala, eyiyo enje: uṙexezo, umbulo, ubunco̔la, ubutshinitshini,
20
inkonzo yezitixo, ukutakata, ubutshaba, amapike, inzondelano, imisindo, inkani, imbambaniso, izahlukano,
21
umona, izibulalo, ukunxila, imihlali yobusuku, nezinto ezinjengezi; enditi pambili ngazo kuni, kwa njengokuba ndise nditshilo kanjako, abo bazenzayo izinto ezinjalo abayi kulidla ilifa lobukumkani bukatixo.
22
Kodwa isiqa̔mo somoya silutando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade, ububele, ukulunga, inkolo,
23
ululamo, ubunca̔tu; ekungeko mteto omela izinto ezinjalo.
24
Bate kekaloku abaka‐Kristu inyama bayikurusesha kunye nemilo yayo nenkanuko zayo.
25
Ukuba siyabudla ubomi ngomoya, masiti kanjalo sihambe ngomoya.
26
Masingabi ngabazidlayo, sitelekisana, sinomona omnye kwomnye.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6