bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Galatians 2
Galatians 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 3 →
1
Emveni kwoko, kuse kudlulile iminyaka elishumi linamine, ndabuya ndenyuka ndaya e‐Yerusaleme kunye no‐Banabasi, ndatabata na m no‐Titusi.
2
Ndenyuka ke ngokwesityilo, ndabaxoxela ivangeli leyo ndiyishumayelayo pakati kwabaheyideni, kodwa ndabaxox ela bebodwa abo babenokuduma, hleze kungati ndibe ndifumana ndibaleka, umhlaumbi ndibe ndifumane ndabaleka.
3
Koko kwa u‐Titusi obenam, nangona ebengum‐Girike, ebenganyanzelwa ukwaluka:
4
kunje nje, ngenxa yabo abazalwana ababuxoki abangenisiweyo ngasese, abo abangena ngokunyebeleza ukuza kuhlola inkululeko yetu esinayo ku‐Kristu Yesu, ukuze basifake ebukobokeni:
5
esati asatelela kubo ngolulamelo lwetu ngexeshana noko linye, ukuze inyaniso yevangeli iman’ ukuhlala kuni.
6
Kodwa kubo abo babebalwa ukuba nokuduma, — into kusukuba bebeyiyo, asi nto enkulu kum; utixo akabuki isiqu samntu, — mna okunene abo babenokuduma abandibonisa luto;
7
koko bati ngelinye icala, nxa babona ukuba ndipatisiwe ivangeli yokungaluki, kwa njengokuba u‐Petrosi epatisiwe e yokwaluka,
8
(ngokuba lowo wasebenzayo ku‐Petrosi ngakubo ubupostile bokwaluka, wasebenza nakum ngakubo abaheyideni,)
9
nxa kanjalo baluqonda ufefe endanikwa lona, u‐Yakobi, no‐Kefasi, no‐Johane, abebebalwa ukuba zintsika, bazinikela mna no‐Banabasi izandla zokunene zobudlelana; ukuze tina siye kubaheyideni, nabo bona baye kwabanokwaluka:
10
befuna kupela ukuba sibe siwakumbulela amahlwempu; endati kwa yona lento ndanxamela ukuyenza nam.
11
Kodwa akufika u‐Petrosi e‐Antiyoki, ndamelana naye ngasebusweni, kuba ebesekugwetyweni.
12
Ngokuba ebesiti, bengekafiki abatile bevela ku‐Yakobi, watya ndawonye nabaheyideni; kodwa bakufika bona, ebehlehla wazahlula, esoyika abo basekwalukeni.
13
Kanjalo amanye ama‐Juda nawo ahanahanisa kunye naye; wada no‐Banabasi waku̔kuliswa na wo ngohanahaniso lwawo.
14
Koko okuya ndabona ukuba abalungisi ukuhamba ngokwenyaniso yevangeli, ndati ku‐Petrosi ebusweni babo bonke: Ukuba wena, ungum‐Juda nje, uyahlala ngesiko labaheyideni, unga hlali ngesiko lama‐Juda, kuyinina ukuba uyanyanzela abaheyideni ukuzekela emasikweni obujuda?
15
Tina singama‐Juda ngemvelo, asingaboni bakubaheyideni;
16
kanti sisazi nje ukuba umntu akagwetyelwa ngemisebenzi yomteto, ugwetyelwa ngalo ukolo luka‐Yesu Kristu kupela, sati tina nati sakolwa ku‐Kristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokolo luka‐Kristu, kungabi ngemisebenzi yomteto; ngenxa yokuba kungayi kugwetyelwa namnye umntu ngemisebenzi yomteto.
17
Kodwa ukuba siti, nxa sifuna ukugwetyelwa kuye u‐Kristu, sifunyanwe nati ngokwetu ukuba ngaboni, kanene u‐Kristu ungumkonzi wesono na? Kwanga kungebe njalo!
18
Ngokuba izinto endazici̔tayo ukuba zona ezi ndibuya ndizimise, ndizibonakalisa ukuba ndingumgqiti.
19
Ngokuba mna ngawo umteto ndafa ngakuwo umteto, ukuze ndidle ubomi ngakuye utixo.
20
Ndikuruseshiwe kunye no‐Kristu: akusendim ke mna obudlayo ubomi, kodwa u‐Kristu uyabudla ubomi kum; nobomi endibudlayo ngoku enyameni, ndiyabudla elukolweni, kolwonyana katixo, owanditandayo, waza wazinikela ngenxa yam.
21
Andilububisi ufefe lukatixo; ngokuba ubulungisa ukuba bungawo umteto, kukona u‐Kristu wafayo kungeko tuba.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6