bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Chronicles 15
1 Chronicles 15
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 16 →
1
Emva kokuba uDavide ezenzele izakhiwo kwisixeko sikaDavide, walungisa indawo yokuhlala ityesi kaThixo, waza wamisa intente ukuze ihlale kuyo.
2
UDavide wathi: “Le tyesi kaThixo ayinakuthwalwa mntu wumbi ngaphandle kwabaLevi, kuba ngabo abanyulwayo *nguNdikhoyo ukuze bayithwale balungiselele endlwini yakhe kude kube ngunaphakade.”
3
UDavide wawaqokelela onke amaSirayeli, wawahlanganisela eJerusalem ukuze kubuyiswe ityesi kaNdikhoyo, iziswe kuloo ndawo wayeyilungiselele yona.
4
Wayiqokelela yonke inzala ka-Aron nabaLevi:
5
Abenzala kaKohati: u-Uriyeli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amabini;
6
abenzala kaMerari: uAsaya inkulu yezizalwana ezingamakhulu amabini namashumi amabini;
7
abenzala kaGershom: uJoweli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amathathu;
8
abenzala kaElizafan: uShemaya inkulu yezizalwana ezimakhulu mabini;
9
abenzala kaHebron: uEliyeli inkulu yezizalwana ezimashumi asibhozo;
10
abenzala kaUziyeli: uAminadabhi inkulu yezizalwana ezilikhulu elineshumi elinesibini.
11
UDavide wabiza ababingeleli uZadoki noAbhiyatare, nabaLevi u-Uriyeli, uAsayiya, uJoweli, uShemaya, uEliyeli, noAminadabhi.
12
Wathetha nabo wathi: “Nini abaziinkulu zendlu kaLevi. Nina ke nabaLevi bonke zihlambululeni, ukuze nibuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ize endaweni endiyilungiselele yona.
13
Kwakungenxa yokuba yayingeziswanga nini baLevi kuqala, ukuze nje uNdikhoyo uThixo wethu asivukele ngomsindo. Sasingazange sibuzise kuye ngendlela efanelekileyo yokuyizisa.”
14
Ngoko ke ababingeleli nabaLevi bazihlambulula ukuze babuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
15
AbaLevi bayithwala ityesi kaThixo, beyiphethe ngezibonda, beyixwaye emagxeni ngokomyalelo kaMosis awawenza ngokwelizwi likaNdikhoyo.
16
UDavide wayalela izikhulu zabaLevi, wathi mazimise abanye kumawabo babe ziimvumi, bamemelele becula iingoma bekhatshwa zizikhalisi: imirhubhe, iihapu, namacangci.
17
Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya,
18
kunye nabantakwabo abanezikhundla ezinganeno: uZekariya, uYaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMaseya, uMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, noYehiyeli, abagcini-masango.
19
Ke zona iimvumi, uHeman, uAsafu, noEtan, babeza kukhalisa amacangci obhedu.
20
Aba babeza kukhalisa iihapu ezilizwi liyisoprano: uZakariya, uHaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uMaseya, noBhenaya,
21
kunye noMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, uYehiyeli, noAzaziya, bona babeza kudlala iihapu ezilizwi liyibhesi.
22
UKenaniya inkulu yabaLevi yayinguye umphathi wekwayala, ingumsebenzi wakhe lowo, kuba kakade wayeyingcali kwelo cala.
23
UBherekiya noElikana babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.
24
Aba ke babeza kukhalisa amaxilongo phambi kwetyesi kaThixo: uShebhaniya, uYoshafati, uNataniyeli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya, noElizere. UObhedi-edom noYehiya nabo babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.
25
Ke kaloku uDavide, namadoda amakhulu akwaSirayeli, kunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, benyuka baya kuthatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo eyayisendlwini kaObhedi-edom. Babehamba benemincili
26
ngenxa yokuba uThixo ebancedile abaLevi ababethwele ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, kwenziwa umbingelelo ngeenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe.
27
Ke uDavide nabaLevi ababethwele ityesi, ngokunjalo neemvumi kunye noKenaniya owayengumphathi-kwayala, bonke babethe wambu iminweba yelinen entle kunene. Kananjalo ke uDavide wayefake *nesidanga esenziwe ngelinen.
28
Ngoko ke wonke uSirayeli waya kuyithatha wayibuyisa ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, ehamba ekhwaza ekhalisa nezigodlo zenkunzi yegusha, amaxilongo, amacangci, iihapu, nemirhubhe.
29
Ekungeneni kwabo netyesi yomnqophiso kaNdikhoyo esixekweni sikaDavide uMikali intombi kaSawule wayebukele, ekrobe ngefestile. Wathi ke, akubona ukumkani uDavide exhentsa ebhiyoza, yamtsho wamcekisa entliziyweni yakhe loo nto.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29