bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Chronicles 23
1 Chronicles 23
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 24 →
1
Ke kaloku uthe akukhula, xa seleyindoda enkulu, uDavide wabeka unyana wakhe uSolomon wangukumkani kwaSirayeli.
2
Kananjalo waqokelela zonke iinkokheli zakwaSirayeli kunye nababingeleli nabaLevi.
3
Babalwa abaLevi ababudala bungamashumi amathathu nangaphezulu, baza bafumaneka bengamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4
UDavide wathi: “Amashumi amabini anesine amawaka abaLevi baya kongamela umsebenzi wendlu *kaNdikhoyo, size isithandathu samawaka sibe ngamagosa nabagwebi.
5
Ke wona amawaka amane aya kuba ngabagcini-masango; kananjalo amanye amawaka amane adumise uNdikhoyo ngeengoma esebenzisa izikhalisi endizilungiselele loo njongo.”
6
UDavide wabahlula-hlula abaLevi ngokwamaqela oonyana bakaLevi: uGershon, uKohati, noMerari.
7
Oonyana bakaGershon nguLadan noShimeyi.
8
Oonyana bakaLadan bathathu: nguYehiyeli owamazibulo, ibe nguZetam noJoweli.
9
Oonyana bakaShimeyi nabo bathathu: nguShelimoti, noHaziyeli, noHaran. Zizo ezo ke iinkulu zezindlu zakwaLadan.
10
Oonyana bakaShimeyi bane: nguYahati owamazibulo, kulandele uZina, ibe nguJewushe noBheriya. Ke uJewushe noBheriya babengenanyana baninzi, yaza inzala yabo yabalelwa ekubeni yindlu enye.
12
Oonyana bakaKohati bane: nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli.
13
Oonyana baka-Amram nguAron noMosis. UAron nenzala yakhe bachongwa ukuba bagcine izinto ezingcwele zonqulo, bamkhonze uNdikhoyo, bemenzela iziqhumiso, besikelela abantu egameni lakhe kude kube ngunaphakade.
14
Ke bona oonyana bakaMosis, umfo wakwaThixo, babalelwa kubaLevi.
15
Oonyana bakaMosis nguGershom noElizere.
16
Inkulu yoonyana bakaGershom nguShebhuweli.
17
Inkulu yoonyana bakaElizere nguRehabhiya. UElizere akazalanga wumbi unyana ngaphandle koRehabhiya, kodwa uRehabhiya wazala oonyana abaninzi gqitha.
18
Inkulu yoonyana bakaIzare nguShelomiti.
19
Inkulu yoonyana bakaHebron abane nguTeriya, ibe nguAmariya, noYaziyeli, noYekamam.
20
Koonyana baka-Aziyeli nguMika inkulu, ibe nguIshiya owesibini.
21
Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.
22
UElazare wafa engenanyana, eneentombi zodwa, zaza zathathwa ngamawabo oonyana bakaKishe.
23
Oonyana bakaMushi bathathu: nguMali, noEdere, noYeremoti.
24
Ezi ke yayizizizukulwana zikaLevi ngokwezindlu zazo – iinkulu zezindlu ngokwamagama okubhaliswa kwazo zibalwa ngazinye, abasebenzi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, abo babelungiselela endlwini kaNdikhoyo.
25
Kaloku uDavide wathi: “Ngoku uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ubanike ukuphumla abantu bakhe; yena ke uya kusoloko ehlala ehleli eJerusalem.
26
Ngoko ke abaLevi aba akuseyomfuneko kubo ukuthwala isibingelelo nezixhobo ezisetyenziswa kuso.”
27
Ngokwalo myalelo kaDavide ke abaLevi babalwa kuqalelwa kwabo baneminyaka emashumi mabini nangaphezulu.
28
Umsebenzi wabaLevi aba ke yayikukunceda inzala ka-Aron kumsebenzi wendlu kaNdikhoyo: ukujonga iinkundla namagumbi azo, ukuhlanjululwa kwezinto ezingcwele, nokujongana nayo yonke eminye imisebenzi yendlu kaThixo.
29
Yayingabo abajongene nesonka esasihlala etafileni, umgubo womnikelo weenkozo, nemiqhathane enganyuswanga, ukubhaka nokuxuba, nazo zonke iindidi zemilinganiselo.
30
Ngazo zonke iintsasa kwakufuneka beme babulele badumise uNdikhoyo; nasemalanga ke kwakufuneka benze kwaloo nto.
31
Ukanti nanini na kusenzelwa uNdikhoyo amadini atshiswayo *ngeMihla yokuPhumla nangemibhiyozo yokuthwasa kwenyanga, nangawo onke amatheko amisiweyo. Kwakufuneka bahlale belungiselela uNdikhoyo ngamathuba amisiweyo, naloo nto ke beyenza ngendlela emisiweyo.
32
Ngoko ke abaLevi abo bawuqhuba umsebenzi wabo apho esibingelelweni nakwindawo engcwele, bephantsi kwabantakwabo abayinzala ka-Aron, belungiselela apho endlwini kaNdikhoyo.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29