bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Chronicles 22
1 Chronicles 22
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 23 →
1
Ke kaloku uDavide wathi: “Iza kwakhiwa apha indlu *kaNdikhoyo uThixo kunye neqonga lamadini atshiswayo awenzelwa uSirayeli.”
2
Ngoko ke uDavide wayalela ukuba kuqokelelwe bonke abasemzini abemi apho kwaSirayeli, waza ke apho kubo wakhetha abangabaqingqi bamatye, ukuze bakrole amatye okwakha indlu kaThixo.
3
Wakhupha nento eninzi yentsimbi yokwenza izikhonkwane zeengcango zamasango nezokubethelela, kananjalo nobhedu olubunzima bungenamlinganiselo.
4
Wakhupha nenyambalala yezikhuni zomsedare; kaloku zona uDavide wayeziphiwe zazininzi gqitha ngamaSidon namaTire.
5
UDavide wathi: “Umfana wam uSolomon usemncinci, engekabi nawo namava, ibe ke yona le ndlu *kaNdikhoyo eza kwakhiwa kufuneka ibe lipomakazi eliyimbalasane, uduma-kude ngobunewu-newu nakuzo zonke izizwe. Ngoko ke ndiza kuwenza amalungiselelo okwakhiwa kwayo.” Ewe, uDavide wawenza ngokubanzi amalungiselelo lawo kwangaphambi kokusweleka kwakhe.
6
UDavide wathetha nonyana wakhe uSolomon, wamyalela ukuba akhele uNdikhoyo uThixo kaSirayeli indlu.
7
Wathi apho kuSolomon: “Mfo wam, ndandizimisele ukulakhela indlu igama *likaNdikhoyo uThixo wam.
8
Kambe ke kwafika ilizwi likaNdikhoyo kum, lisithi: ‘Wena uliphalaze gqitha igazi; ulwe iimfazwe ezininzi gqitha. Ngoko ke asinguwe oya kulakhela indlu igama lam, kuba wena uphalaze igazi elininzi gqitha emhlabeni phambi kwam.
9
Kambe ke uza kuba nonyana oya kuba yindoda yoxolo nenzolo; mna ndiya kumthi jize ngenzolo, ndimphumze macal' onke ezintshabeni zakhe. Igama lakhe liya kuba nguSolomon, ibe ke uSirayeli ndiya kumthi jize ngoxolo nenzolo ngexesha lombuso wakhe.
10
Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam. Yena uya kuba ngunyana wam, mna ndibe nguYise. Ewe, mna ndiya kusizinzisa isihlalo sombuso wakhe phezu koSirayeli kude kube ngunaphakade.’
11
Ngoko ke ngoku, nyana wam, ngamana wanawe uNdikhoyo; ngamana waphumelela ekuyakheni indlu kaNdikhoyo uThixo wakho, nanjengoko wayethe uya kuyakha.
12
UNdikhoyo ngamana wakupha ingqiqo nokuqonda xa ekufaka ukuba wongamele uSirayeli, khon' ukuze uwuthobele umthetho kaNdikhoyo uThixo wakho.
13
Ewe, uya kuba nempumelelo xa uthe wanenyameko wayinonophela imimiselo nemithetho leyo uNdikhoyo wayinikezela uSirayeli ngoMosis. Yomelela ukhaliphe; uze ungoyiki utyhafe!
14
“Amalungiselelo ndiwenze ngenyameko, ndilungiselela ukwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo. Ndiqokelele iitoni zegolide ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye neetoni zesiliva ezingaphezu kwamashumi amathathu anesine amawaka, ukuze kwakhiwe indlu leyo, kwakunye nentaphane yobhedu, kunye nentsimbi ebunzima bungenamlinganiselo, ngokunjalo nemithi namatye. Nawe ke ungazongeza ezo zinto.
15
Unabo baninzi abasebenzi, abaqingqi bamatye, iingcibi nabachweli, kunye namadoda angamachule kuzo zonke iindidi zomsebenzi.
16
Igolide nesiliva, ubhedu nentsimbi, ikho ingenamlinganiselo. Ngoko ke qalisa, uNdikhoyo abe nawe!”
17
Ngoko ke uDavide waziyalela zonke iinkokheli zakwaSirayeli ukuze zincedisane naye unyana wakhe uSolomon.
18
Wathi kuzo: “Andithi na kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unani? Ewe kambe, unithe jize ngenzolo ngeenxa zonke! Kaloku uzinikele esandleni sam zonke iintlanga ezingabemi beli lizwe. Eli lizwe ke ngoko lelikaNdikhoyo nabantu bakhe.
19
Ngoko ke zinikezeleni ngomxhelo wenu wonke kuNdikhoyo uThixo wenu. Qalisani ukuyakha indlu kaNdikhoyo uThixo, ukuze nibe nako ukuyingenisa ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo kunye nezinto ezingcwele zikaThixo, zonke nizifake kuloo ndlu iza kwakhelwa igama likaNdikhoyo.”
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29