bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Chronicles 24
1 Chronicles 24
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 25 →
1
Oonyana baka-Aron babahlulwa-hlulwe kanje: Naba oonyana baka-Aron: uNadabhi, uAbhihu, uEliyazare, noItamare.
2
Kambe ke yena uNadabhi noAbhihu basweleka bengenanyana kwangaphambi kokusweleka kukayise. Ngoko ke ababingeleli yaba nguEliyazare noItamare.
3
UDavide wancediswa nguZadoki, owayeyinzala kaEliyazare, kunye noAhimeleki, owayeyinzala kaItamare; baza ke babahlula-hlula bangamaqela okulungiselela ngezigaba ezimisiweyo.
4
Kwafumaneka iqela elikhulu kwinzala kaEliyazare kunelo lafumaneka kwinzala kaItamare, baza ke bahlulwa-hlulwa ngokunjalo: Yaba ziinkulu ezilishumi elinesithandathu kwinzala kaEliyazare, yaziinkulu ezisibhozo kwinzala kaItamare.
5
Babahlula-hlula ngendlela engenaxanasi ngokwenza *amaqashiso, kuba kaloku kwakukho amagosa esibingelelo namagosa ezakwaThixo kuzo zozibini izizukulwana zikaEliyazare nezo zikaItamare.
6
Ke unobhala uShemaya, unyana kaNataniyeli umLevi, wawabhala amagama abo ekho nokumkani kunye nala magosa: umbingeleli uZadoki, uAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, kunye neenkulu zezindlu zababingeleli kunye nezabaLevi. Kwakuthathwa indlu ibe nye kuEliyazare, ize ibe nye nakuItamare.
7
Amaqashiso aphuma ngolu hlobo: Elokuqala laphuma noJoyaribhi, elesibini noYedaya,
8
elesithathu noHarim, elesine noSeworim,
9
elesihlanu noMalekiya, elesithandathu noMiyamin,
10
elesixhenxe noHakoze, elesibhozo noAbhiya,
11
elethoba noYeshuwa, eleshumi noShekaniya,
12
eleshumi elinanye noEliyashibhi, eleshumi elinesibini noYakim,
13
eleshumi elinesithathu noHupa, eleshumi elinesine noYeshebhabhi,
14
eleshumi elinesihlanu noBhilega, eleshumi elinesithandathu noImere,
15
eleshumi elinesixhenxe noHezire, eleshumi elinesibhozo noHapizere,
16
eleshumi elinethoba noPetaya, elamashumi amabini noYezekeli,
17
elamashumi amabini ananye noJakin, elamashumi amabini anambini noGamuli,
18
elamashumi amabini anantathu noDelaya, nelamashumi amabini anane noMaziya.
19
Lulo olo ke uluhlu lokusebenzisana kwabo ekulungiseleleni endlwini kaNdikhoyo ngokwemimiselo abayinikwa ngukhokho wabo uAron ethobela umyalelo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
20
Nazi ke ezinye iinkulu zezindlu zakwaLevi: koonyana baka-Amram nguShubhayeli, koonyana bakaShubhayeli nguYedeya,
21
koonyana bakaRehabhiya inkulu nguIshiya,
22
kumaIzare nguShelomoti, koonyana bakaShelomoti nguYahati,
23
koonyana [bakaHebron] nguJeriya inkulu, ibe nguAmariya owesibini, noYeziyeli owesithathu, noYekamam owesine,
24
koonyana bakaUziyeli nguMika, koonyana bakaMika nguShamire,
25
koonyana bakaIshiya, umntakwabo-Mika, nguZekariya,
26
koonyana bakaMerari nguMali noMushi, koonyana bakaYaziya, unyana kaMerari, nguBheno, noShoham, noZakure, noHibri,
28
koonyana bakaMali nguElazare ongabanga nanyana,
29
koonyana bakaKishe nguJerameli,
30
koonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noJerimoti. Abo ke ngabaLevi ngokwezindlu zabo.
31
Nabo benza *amaqashiso kwanjengabantakwabo abayinzala ka-Aron, ekho nokumkani uDavide, uZadoki, uAhimeleki, neenkulu zezindlu zababingeleli nezabaLevi. Izindlu zâbo baziinkulu zaziphathwa ngokufanayo nezo zâbo baziinci.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29