bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Chronicles 25
1 Chronicles 25
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 26 →
1
Ukumkani uDavide, ekunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, wachonga abathile koonyana baka-Asafu, nabakaHeman, nababakaJedutum, wabanika umsebenzi wokushumayela bekhalisa iihapu nemirhubhe namacangci. Nanga ke amadoda awayephethe lo msebenzi:
2
Koonyana baka-Asafu nguZakure, noJosefu, noNetaniya, noAsharela. Babeshumayela ngokomyalelo kakumkani, bephethwe nguAsafu.
3
Koonyana bakaJedutun nguGedaliya, noZeri, noYeshaya, [noShimeyi], noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu. Babephethwe nguyise uJedutun, owayeshumayela esebenzisa ihapu ukubulela nokudumisa *uNdikhoyo.
4
Koonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noJerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMaziyoti.
5
Bonke aba babengoonyana bakaHeman *umshumayeli kakumkani. Wayebanikwe ngokwesithembiso sikaThixo sokuphakamisa isidima sakhe. Ewe, uThixo wanika uHeman oonyana abalishumi elinane neentombi ezintathu.
6
Ngokomyalelo kakumkani onke la madoda ayephethwe ngooyise uAsafu, noJedutun, noHeman. Ayevuma enkonzweni endlwini kaNdikhoyo, enamacangci nemirhubhe neehapu.
7
Inani lawo, ekunye nabantakwawo ababeqeqeshelwe iingoma zikaNdikhoyo, lalingamakhulu amabini anamashumi asibhozo anesibhozo.
8
Xa bawabayo umsebenzi benza *amaqashiso, kungekho ukhethe phakathi komncinane nomkhulu, ngokunjalo nokwaziyo nosaqeqeshwayo.
9
Nazi iziphumo zamaqashiso malunga nokulandelelana kwamathuba okusebenza kwamaqela: elokuqala: elikaJosefu umAsafu, elesibini: elikaGedaliya,
10
elesithathu: elikaZakure,
11
elesine: elikaIzeri,
12
elesihlanu: elikaNetaniya,
13
elesithandathu: elikaBhukiya,
14
elesixhenxe elikaYesharela,
15
elesibhozo: elikaYeshaya,
16
elethoba: elikaMataniya,
17
eleshumi: elikaShimeyi,
18
eleshumi elinanye: elika-Azarele,
19
eleshumi elinambini: elikaHashabhiya,
20
eleshumi elinesithathu: elikaShubhayeli,
21
eleshumi elinesine: elikaMatitiya,
22
eleshumi elinesihlanu: elikaYeremoti,
23
eleshumi elinesithandathu: elikaHananiya,
24
eleshumi elinesixhenxe: elikaYoshebhekasha,
25
eleshumi elinesibhozo: elikaHanani,
26
eleshumi elinethoba: elikaMaloti,
27
elamashumi amabini: elikaEliyata,
28
elamashumi amabini ananye: elikaHotire,
29
elamashumi amabini anambini: elikaGidaleti,
30
elamashumi amabini anantathu: elikaMaziyoti,
31
elamashumi amabini anane: elikaRomamti-ezere. Iqela ngalinye beliba namadoda alishumi elinambini, liphantsi kwenkokheli yalo.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29