bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Joshua 11
Joshua 11
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
1
Ukumkani uJabhin waseHazore uthe akuva ngeziqwenga ezazisenziwa ngamaSirayeli, wathumela isigidimi kukumkani uJobhabhi waseMadon nakwiikumkani zaseShimron naseAkeshafi,
2
nakwiikumkani ezazikweleentaba emantla, eJordan kwintili esemzantsi woLwandle lwaseGalili, emazantsi eentaba, nakunxweme lwangaseDore.
3
Wasithumela nakumaKanana aphahle iJordan, kuma-Amori, kumaHeti, kumaPerezi, nakumaJebhusi kweleenduli, kwanakumaHivi awayemi phantsi kwentaba iHermon kummandla waseMizpa.
4
Ezo kumkani zeza nemikhosi yazo yonke, inyambalala yamajoni esith' ilanga, ekwanjalo namahashe neenqwelo ubuninzi.
5
Zahlanganisa imikhosi yazo ezo kumkani, zaya kugxumeka iintente ngakumlanjana iMerom, zilungele ukulwa namaSirayeli.
6
*UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uzungaboyiki wena. Ngeli xesha ngomso ndoba sendiwancedile amaSirayeli ukubabulala bonke. Kufuneka amahashe abo niwatshece imisipha, nezo nqwelo zabo nizintumeke umlilo.”
7
Nanko ke uYoshuwa nomkhosi wakhe wonke eyiqubula loo mikhosi ngakuloo mlanjana iMerom.
8
Wayinikela ezandleni zabo loo mikhosi uNdikhoyo, bayoyisa, bayisukela ukuya kutsho emantla eMisefoti-mayim naseSidon enkulu, kwaya kutsho entshonalanga kuloo ntili yaseMizpa. Babatyakatya kwada akwabikho namnye useleyo.
9
Ngokomyalelo kaNdikhoyo uYoshuwa wawatsheca imisipha loo mahashe abo, watshisa nezo nqwelo zabo.
10
Wajika apho uYoshuwa, waya kuthimba iHazore, wayibulala nekumkani yalapho. (Ngaloo mihla iHazore yayisesona sikumkani siyinjinga kwezo zalapho.)
11
Kwabulawa wonke umntu apho, akwasinda namnye, neso sixeko satshatyalaliswa ngomlilo.
12
Wazithimba zonke ezo zixeko ezinookumkani uYoshuwa, ebulala wonke umntu kwanokumkani, kanye njengoko wayeyalelwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.
13
Kambe ke akazange azitshise amaSirayeli izixeko ezazakhiwe ezindulini; yaba yiHazore yodwa awathi uYoshuwa mayitshiswe.
14
AmaSirayeli emka nawo amaxhoba nemfuyo yezo zixeko. Ababulala bonke abantu, akashiya namnye.
15
Kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis, waza uMosis yena wayigqithisela kuYoshuwa loo miyalelo, ke yena uYoshuwa wayithobela. Wenza konke okwayalelwa nguNdikhoyo kuMosis.
16
UYoshuwa wawuthimba wonke loo mhlaba: eleenduli, amazantsi eentaba ngasemantla nangasemazantsi, wonke ummandla waseGoshen, nentlango esezantsi, kwakunye naloo ntili yeJordan.
17
Lo mmandla usuka kwintaba iHalaki ngase-Edom ezantsi, wenjenjeya ukuya kutsho eBhali-gadi emantla kuloo ntili yeLebhanon ngaphantsi kwentaba iHermon. UYoshuwa walwa ithuba elide neekumkani zalapha, kodwa ekugqibeleni wazoyisa, wazibulala.
19
YiGibheyon qha isixeko esanqophisana namaSirayeli. Kulapho ayehlala khona amaHivi. Zonke ezinye izixeko zoyiswa edabini.
20
*UNdikhoyo wazinika isibindi sokulwa namaSirayeli, khon' ukuze zitshatyalaliswe ziphele tu kungekho lusizi. Yayingumyalelo kaNdikhoyo lowo kuMosis.
21
Ngelo xesha uYoshuwa waya kutshabalalisa ama-Anaki ahlala kweleenduli eHebron, eDebhiri, eAnabhi, nakuzo zonke iinduli zakwaJuda nakwaSirayeli. Wawatshabalalisa kunye nezixeko zawo zonke uYoshuwa.
22
KwaSirayeli akuzange kusinde namnye umntu wesizwe sama-Anaki. Babekho kambe abasindayo eGaza, eGati, naseAshdode.
23
Wawuthimba wonke loo mhlaba uYoshuwa ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis. Wawunika amaSirayeli ukuba bawume, libe lilifa lawo, khon' ukuze isizwe ngasinye sifumane indawo yaso. Kwabakho uxolo elizweni.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24