bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Joshua 5
Joshua 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 6 →
1
Zonke iikumkani zama-Amori ngasentshonalanga kweJordan, nazo zonke ezamaKanana ezigudle ulwandle, zeva ngesiganeko esenziwa nguNdikhoyo sokomisa iJordan ada awela onke amaSirayeli. Zankwantya, zaphelelwa ngamandla ngenxa yamaSirayeli.
2
Ngelo xesha *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Sebenzisa iintshengeca zelitye lenyengane, uwaluse amaSirayeli angolukanga.”
3
Wenjenjalo ke uYoshuwa, wawalusela endaweni ekuthiwa yiNduli yeNyama yoKwaluswa.
4
Ukumka kwamaSirayeli eJiputa onke amakhwenkwe ayesele alukile. Kodwa ke kuthe ngenxa yokubhadula entlango amashumi amane eminyaka akwabikho thuba lakwalusa nkwenkwe. Kanti ke onke amadoda ayeselekwixabiso lokuya emfazweni ukufuduka kwabo eJiputa ayeselebhubhile ngenxa yokungamthobeli uNdikhoyo. Njengoko watshoyo kooyise-mkhulu uNdikhoyo akazange awavumele alibone ilizwe laseKanana eliphuphuma ubisi nobusi.
7
Oonyana uNdikhoyo awabakhulisa endaweni yooyise ngabo aba awabalusayo ngoku uYoshuwa, kuba kaloku babengazange boluka.
8
Akuba alusiwe ke onke, ahlala esikhululweni ada aphila loo madoda.
9
UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndilisusile kuni ihlazo lokuba ngamakhoboka aseJiputa.” Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa ukubizwa kwayo yiGiligali, igama esabizwa ngalo.
10
Ngexesha amaSirayeli ayeseseGiligali entilini yaseJeriko, enza umsitho *wePasika ngokuhlwa komhla weshumi elinesine waloo nyanga.
11
Ngomhla olandelayo ayeqala ukutya ukutya kwaseKanana, agcada ingqolowa, enza nezonka ezingenagwele.
12
*Imana yaphela ngengomso, akaphinda ayifumana amaSirayeli, aza ngaloo nyaka atya ukutya okuveliswe yiKanana.
13
Xa wayeselapho ngaseJeriko uYoshuwa, wagagana nomfo ophethe ikrele. Waya kuye uYoshuwa, wafika wathi: “Ngaba ungakuthi, okanye ulutshaba?”
14
“Nakanye, ndikho nje mna ndiyingqwayi-ngqwayi yomkhosi *kaNdikhoyo,” utshilo lo mfo. Wazikhahlela phantsi uYoshuwa, wathi: “Mhlekazi, mna ke ndisisicaka sakho; ufuna ndenze ntoni?”
15
Yathi loo ngqwayi-ngqwayi yomkhosi kaNdikhoyo: “Khulula iimbadada zakho ezo. Lo mhlaba umi kuwo ngumhlaba ongcwele.” Wenjenjalo ke uYoshuwa.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24