bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Joshua 14
Joshua 14
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 15 →
1
Le yinkcukacha yokwabelwa kwamaSirayeli umhlaba waseKanana ongasentshonalanga kweJordan. Lo mhlaba wabelwa abantu nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zezizwe zamaSirayeli.
2
Umhlaba olilifa lezizwe ezilithoba elinesiqingatha wasikwa ngokwenza *amaqashiso ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuMosis.
3
Umhlaba ongasempumalanga kweJordan uMosis wayeselewabele izizwe ezibini ezinesiqingatha. (Inzala kaJosefu yayizizizwe ezibini: esakwaManase nesakwaEfrayim.) Kambe ke abaLevi bona uMosis akazange ababele mhlaba. Ndaweni yaloo nto babelwa izixeko bahlala kuzo, kunye namadlelo empahla.
5
AmaSirayeli awaba loo mhlaba kanye ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.
6
Abantu besizwe sakwaJuda bafika kuYoshuwa eGiligali, uKalebhi unyana kaJefune umKenezi wathi kuYoshuwa: “Uyayazi into eyathethwa kuMosis umfo wakwaThixo *nguNdikhoyo mayela nawe kunye nam eKadeshe-bhaneya.
7
Ndandimashumi mane ubudala ngamhla uMosis wandithumayo ndesuka eKadeshe-bhaneya ndaza kuhlola lo mhlaba. Ndamphathela ingxelo ngokungafihlisi,
8
kuba ndamthobela ngomxhelo wam wonke uNdikhoyo uThixo. Kambe ke amadoda awayekunye nam abatsho bankwantya abantu.
9
Ke ngoko uMosis wafunga wathi kum: ‘Inene, laa mhlaba unyathele kuwo woba lilifa lakho ndawonye nenzala yakho ngonaphakade, kuba umthobele ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo wam.’
10
Ke uNdikhoyo usandigcinile njengoko wathembisayo. Kambe sekudlule amashumi amane anantlanu eminyaka oko uNdikhoyo wathetha loo nto kuMosis ngokuya amaSirayeli ayebhadula entlango. Ndim lo ke, ndimashumi asibhozo anantlanu eminyaka ndisidla amazimba,
11
kodwa ndisengumqabaqaba njengoko ndandinjalo ukundithuma kwakhe uMosis. Ndisomelele; ndingaya emfazweni, ndingenza nantoni na.
12
Ngoku ke ndabele eliya leentaba ndalithenjiswa nguNdikhoyo mhla ndenza ingxelo. Nawe ngokwakho weva ngaloo mini ukuba olwaa hlanga lweengxilimbela kuthiwa ngama-Anaki ayehlala apho ezixekweni ezikhulu ezingqingwe ngeendonga. Ukuba uNdikhoyo ungakum ndozichitha kanye njengoko yena watshoyo.”
13
UYoshuwa wamsikelela uKalebhi unyana kaJefune, wamabela iHebron yaba lilifa lakhe.
14
Unanamhla oku iHebron iseyeyenzala kaKalebhi unyana kaJefune umKenazi, kuba yena wamthobela ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
15
Ngaphambili iHebron kwakusithiwa sisixeko sika-Arbha. (UArbha ngoyena mAnaki mkhulu.) Kwabakho uxolo elizweni.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24