bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Joshua 23
Joshua 23
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
1
Lakuba ligqithile ithuba elide *uNdikhoyo uwaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo ezaziwangqongile; noYoshuwa ngoku wayeselemdala aluphele.
2
UYoshuwa wawabiza onke amaSirayeli, amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa, wathi kubo: “Sendaluphele; ndigugile mna ngoku.
3
Niyibonile yonke into ayenzileyo ngenxa yenu uNdikhoyo kuzo zonke iintlanga zalapha. UNdikhoyo uThixo wenu ubesoloko enilwela kaloku.
4
Khumbulani ukuba isizwe ngasinye kuni ndisabele umhlaba waso kumhlaba weentlanga endizitshabalalisileyo, kwanezo zisaseleyo phakathi kweJordan nolwandle ngasentshonalanga.
5
UNdikhoyo uThixo wenu nguye ngenkqu owozigxotha phambi kwenu; wovulela nina indawo. Ke ngoko lo mhlaba ngowenu njengoko kanye wathembisayo.
6
Ngoko ke yomelelani, ninyamekele nithobele yonke into ebhalwe kwincwadi yomthetho kaMosis, ningashiyi nendawo le.
7
Nize ningazibandakanyi naba bantu basaseleyo apha, ningabizi namagama *oothixo babo, okanye nisebenzise amagama oothixo babo xa nifunga, ningabanquli abo thixo nikhahlele kubo.
8
Ndaweni yaloo nto nina namathelani kuNdikhoyo, nenze njengoko senenzile unanamhla.
9
UNdikhoyo unigxothele izizwe ezikhulu nezinamandla ekungeneni kwenu, akwabikho bani unako ukumelana nani edabini.
10
Nditsho nomntu omnye kuni angachitha-chitha iwaka eyedwa, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanilwela njengoko wathembisayo.
11
Ze nigcise ke ngenxa yobomi benu, uNdikhoyo uThixo wenu nimthande,
12
kuba kaloku xa nithe natyeka kuye nazibandakanya nezi ntlanga ziseleyo apha, nendiselana nazo,
13
ze nazi kakuhle ukuba uNdikhoyo akakubuy' azigxothe, anivulele indawo. Ndaweni yaloo nto ziya kusuka zibe ngathi zizabatha nezigu zokunigcayisela, zibe ngathi zizabhokhwe zokunitywatyusha, nameva asemehlweni, nide niphele nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo niwunikwe nguNdikhoyo uThixo wenu.
14
“Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga.
15
Kanti kwalo Ndikhoyo unenzela izinto ezintle kangaka uyakwazi ukubuya azise ububi anitshabalalise nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo aninike wona.
16
Ewe, xa niwutyeshelayo umnqophiso athe maze niwugcine uNdikhoyo uThixo wenu, nisuke nina nikhonze ninqule izithixo, wovutha umsindo wakhe, anitshabalalise ngephanyazo, niphele kuthi tu kulo mhlaba ulungileyo aninike wona.”
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24