bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Joshua 20
Joshua 20
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
1
*UNdikhoyo wathi kuYoshuwa:
2
“Thetha namaSirayeli, uthi ndithi makalathe izixeko zokuphephela endandixelele uMosis ngazo.
3
Zoba ziindawo ekubalekela kuzo abantu abathe babulala omnye ngengozi okanye ngempazamo. Yoba ziindawo zokuzimela kwimpindezelo yezizalwana zaloo mntu ubuleweyo.
4
Umntu oye kuzimela kwezo zixeko kufuneka anike inkcazelo ngesenzo sakhe enkundleni kumadoda amakhulu esangweni leso sixeko. Ngawo aya kumamkela amnike indawo yokuhlala phakathi kwawo.
5
Xa umphindezeli athe walandela ekhondweni lalowo ubalekele apho, wona akasayi kumnikezela kuye – kaloku wambulala ngengozi umfi, bengazange baxabana ngaphambili.
6
Umbulali angahlala apho kweso sixeko de kufike umhla wokuvavanywa kwetyala ngumzi. Akuba eswelekile umbingeleli omkhulu angabuyela ke kwisixeko sakowabo awayebaleke kuso.”
7
Kwatyunjwa iKedeshe eGalili kweleentaba lakwaNafetali, neShekem kweleentaba lakwaEfrayim, kunye neKiriyati-arba (yiHebron ke leyo) kweleentaba lakwaJuda.
8
Kumphesheya-Jordan ongasempuma yeJeriko kwatyunjwa ezi zixeko: kwisizwe sakwaRubhen yaba yiBhezere ekumathafa asentlango, kwisizwe sakwaGadi yaba yiRamoti eseGiliyadi, yaza kwaManase yaba yiGolan eBhashan.
9
Zizo ke ezo izixeko ekwakunokuphephela kuzo nawuphi na umSirayeli okanye umngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli. Injongo yazo yayikukuzimelisa umntu obulele omnye ngengozi, ukwenzela ukuba ze kungabikho mntu ubulawayo sisizalwana somfi engekemi enkundleni yamatyala ngaphambi kwebandla.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24