bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Matthew 1
Matthew 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 2 →
1
Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.
2
UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo;
3
uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram;
4
uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman;
5
uSalman wazala uBhowazi, onina unguRahabhi; uBhowazi wazala uObhedi, onina unguRute; uObhedi wazala uJese;
6
uJese wazala uDavide ukumkani. UDavide wazala uSolomon, onina wayengumka-Uriya;
7
uSolomon wazala uRewobhowam; uRewobhowam wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;
8
uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya;
9
u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya;
10
uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya;
11
uYosiya wazala uJoyakin nabantakwabo ngemihla yokufuduselwa kwabo eBhabheli.
12
Emva kokufuduselwa kwabo eBhabheli uJoyakin wazala uShalatiyeli; uShalatiyeli wazala uZerubhabheli;
13
uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;
14
uAzore wazala uZadoki; uZadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi;
15
uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;
16
uYakobi wazala uJosefu, umyeni kaMariya, unina kaYesu, lo kuthiwa *nguKrestu.
17
Izizukulwana bezilishumi elinane ukususela kuAbraham kuye kuDavide; zilishumi elinane ukususela kuDavide kuye ekufuduselweni kwabo eBhabheli; zikwalishumi elinane ukususela ekufuduselweni kwabo eBhabheli kuye ekuzalweni kukaKrestu.
18
Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima.
19
Ke uJosefu, umyeni wakhe, wayelilungisa, engafuni ukumhlaza uMariya, waza wazimisela ukumala ngasese.
20
Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele.
21
Úya kuzala unyana, ùmthiye igama *elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.”
22
Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, esithi:
23
“Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).
24
Akuvuka ebuthongweni uJosefu, wênza njengoko isithunywa seNkosi besitshilo kuye, wamthatha uMariya, waba ngumfazi wakhe;
25
kodwa akahlangananga naye de wamzala unyana wakhe. UJosefu ke wamthiya igama elinguYesu.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28