bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Matthew 2
Matthew 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 3 →
1
Kwathi akuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaJuda, ngemihla kakumkani uHerode, kwabonakala kufika iingcali zeenkwenkwezi eJerusalem, zivela empumalanga,
2
zisithi: “Uphi na lo kumkani wamaJuda uzelweyo? Sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; ke size kumnqula.”
3
Akukuva oku ukumkani uHerode, wakhathazeka, nayo yonke iJerusalem.
4
Ebahlanganisile ke bonke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho balapho, wabuza kubo ukuba uKrestu ubeya kuzalelwa phi na.
5
Bathi kuye: “EBhetelehem kwaJuda, kuba kubhaliwe *ngumshumayeli kwathiwa:
6
“ ‘Wena Bhetelehem, sithili sakwaJuda, akunguye oyena udelekileyo kubalawuli bakwaJuda, kuba kuwe kuya kuphuma uMlawuli oya kuba nguMalusi wabantu bam amaSirayeli.’”
7
UHerode ke uzibizele ngasese iingcali ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo.
8
Wazithumela eBhetelehem, esithi: “Hambani niye kubuzisa kakuhle ngomntwana lowo. Ze nithi ke, nakumfumana, nindixelele, ukuze nam ndiye kumnqula.”
9
Zakuba zimvile ukumkani, iingcali zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga, izikhokela, de yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.
10
Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya gqitha.
11
Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zaqubuda, zamnqula; zaza zathi, zivule iingxowa zazo, zanikela kuye ngezipho: igolide, intlaka yokuqhumisa, nentlaka yokuqhola.
12
Zathi ke, ziyalelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngandlela yimbi ukuya kwelakowazo.
13
Zakuba zimkile iingcali, kwabonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni, sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, ubalekele eJiputa, uhlale apho de ndikuxelele, kuba uHerode uzimisele ukumbulala umntwana.”
14
Wavuka ke uJosefu, wamthatha umntwana nonina ebusuku, wabalekela eJiputa,
15
wahlala khona de wabhubha uHerode. Oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, lisithi: “Ndambiza unyana wam waphuma eJiputa.”
16
Ke kaloku uHerode, akubona ukuba iingcali zeenkwenkwezi zimkhohlisile, waba nomsindo kakhulu, wayalela ukuba kubulawe bonke abantwana abangamakhwenkwe abaseBhetelehem nakuwo wonke loo mmandla, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kwiingcali.
17
Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya esithi:
18
“ERama kwavakala isililo nesijwili esikhulu, uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, kuba babengasekho.”
19
Akuba ebhubhile uHerode, nâko kubonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni eseJiputa,
20
sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, uye kwelakwaSirayeli, kuba bafile abo babefuna ukumbulala umntwana.”
21
Wavuka, wamthatha umntwana nonina, waya kwelakwaSirayeli.
22
UJosefu akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaJuda esikhundleni sikayise uHerode, woyika ukuya khona; wathi, eyalelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kwiphondo laseGalili,
23
waya kuhlala kwidolophu ekuthiwa yiNazarete. Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngabashumayeli, besithi wobizwa ngokuba ngumNazarete.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28