bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Matthew 10
Matthew 10
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 11 →
1
UYesu wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika igunya lokukhupha iindimoni nelokuphilisa abantu kwizifo ngezifo.
2
Nânga ke amagama abafundi abalishumi elinambini: kuqala, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi, noYohane umntakwabo, oonyana bakaZebhedi;
3
uFilipu noBhartolomeyu; uTomas noMatewu, umqokeleli-rhafu; uYakobi, unyana ka-Alifeyu, noTadeyu;
4
uSimon iTsha-ntliziyo, noJudas Sikariyoti, owayeza kungcatsha uYesu.
5
UYesu wabathuma aba bafundi balishumi elinambini, ebayalele ngokuthi: “Ze ningayithathi indlela eya kweleentlanga, ningangeni kwiidolophu zamaSamariya.
6
Yiyani kanye kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.
7
Ekuhambeni kwenu ze nishumayele nisithi: ‘Ulawulo lukaThixo lusemnyango!’
8
Philisani abagulayo, nivuse abafileyo, nihlambulule abaneqhenqa, nikhuphe iindimoni. Namkelé ngesisa, ke ngoko yiphani ngesisa.
9
Ze ningazameli ukuba nibe nemali emibhinqweni yenu, nokuba yigolide, nokuba yisiliva, nokuba lubhedu.
10
Ze ningaphathi ngxowa, nazambatho ngazibini, nazihlangu, namsimelelo. Kaloku umvuzo ulilungelo kumntu osebenzayo.
11
“Nakusiphi na isixeko okanye idolophu enithe nangena kuyo, funani lowo unokuthi anamkele, nihlale khona de nimke kuloo ndawo.
12
Nakungena emzini, ze nibabulise abakuwo.
13
Ukuba abantu baloo mzi bayanamkela, basikeleleni, kodwa ukuba abanamkeli, uxolo lwenu malubuyele kuni.
14
Ukuba bathe àbanamkela, okanye àbawaphulaphula amazwi enu, ze nithi nakuphuma kuloo mzi, okanye kweso sixeko, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu nikhalala.
15
Inene, eso sixeko siya kuva ubunzima ngaphezu kweSodom neGomora ngomhla womgwebo.”
16
“Niyabona, ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka. Ke ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nilulame njengamahobe.
17
Balumkeleni abantu, kuba baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo.
18
Nomiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam. Kulapho niya kundingqinela khona kubo nakuzo iintlanga.
19
Xa bathe banisa enkundleni yamatyala, ze ningaxhaleli ukuba nothetha ntoni na, nokuba nothetha njani na; kothi, lakufika elo xesha, niyinikwe into eniya kuyithetha,
20
kuba asinini abaya kuthetha, nguMoya kaYihlo oya kuthetha kuni.
21
“Oonyana bomntu omnye baya kusana ekufeni, uyise anikele umntwana, bathi nabantwana babavukele abazali, babanikele ukuba babulawe.
22
Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.
23
Xa banitshutshisayo kule dolophu, yiyani kwenye, kuba inene, aniyi kuzigqiba iidolophu zakwaSirayeli engekafiki *uNyana woLuntu.
24
“Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, kungekho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.
25
Makaneliseke umfundi kukuphatheka njengomfundisi wakhe, nesicaka kukuphatheka njengenkosi yaso. Ukuba umninimzi babemthuka ngokuthi unguSathana, ungáthini na ukungàthukwa ngakumbi ngoSathana umzi wakhe?”
26
“Musani ukuboyika abantu. Akukho nto igqunyiweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.
27
Endikuthethayo kuni ebumnyameni, kuthetheni nina ekukhanyeni; enikusetyezelweyo nikubhengeze.
28
Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.
29
Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo.
30
Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.
31
Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!”
32
“Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, nam ndothi ndimvume kuBawo osezulwini.
33
Ke ondikhanyelayo ebantwini, nam ndiya kumkhanyela kuBawo osezulwini.”
34
“Ze ningabi ndizise uxolo ehlabathini. Hayi, andizisanga luxolo, koko ndizise imbambano.
35
Ndize kuxabanisa unyana noyise, intombi nonina, umolokazana no ninazala.
36
Iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.
37
“Othe wathanda uyise nokuba ngunina ngaphezu kwam, akandifanelanga; nothe wathanda unyana nokuba yintombi yakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga.
38
Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.
39
Othe wabuzuza ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, wobuzuza.
40
“Othe wanamkela nina, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo.
41
Othe wamkela *umshumayeli ngokuba engumshumayeli, wofumana umvuzo womshumayeli; nothe wamkela ilungisa ngokuba lililungisa, wofumana umvuzo welungisa.
42
Othe wapha nokuba mnye kwaba bancinane nekomityi le yamanzi, ngokuba engumfundi wam, inene ngekhe aphosane nomvuzo wakhe nakanjani na.”
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28