bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Matthew 4
Matthew 4
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
1
Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi.
2
Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo.
3
Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.”
4
Waphendula yena wathi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”
5
Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo,
6
wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi: “ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe; ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”
7
UYesu wathi kuye: “IziBhalo zikwathi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”
8
Kwakhona umtyholi wasa uYesu entabeni ephakame kakhulu, wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi, nobuhle bazo,
9
wathi kuye: “Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wazithoba wandinqula.”
10
Waza wathi kuye uYesu: “Hamb' umke, Sathana; kuba iziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’”
11
Waza umtyholi wamyeka uYesu, zafika izithunywa zezulu zamlungiselela.
12
Ke uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe, wahamba waya kwelaseGalili.
13
Wemka ke eNazarete, wafudukela eKapernahum ngaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali.
14
Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:
15
“Wena sithili sakwaZebhulon, nawe sithili sakwaNafetali, nina eningakwindlela yaselwandle, phesheya kweJordan, nina baseGalili yeentlanga,
16
bantu ababehleli ebumnyameni, niboné ukukhanya okukhulu; nina enanihleli ezweni nasethunzini lokufa, nivelelwe kukukhanya.”
17
Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”
18
Kuthe uYesu ehamba ngakuLwandle lwaseGalili wabona abantu ababini, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya, umninawe wakhe, bephosa umnatha elwandle, kuba babengabalobi.
19
Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”
20
Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.
21
Uthe ke, ehambele phambili esuka apho, wabona omnye umntu nomntakwabo, uYakobi unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, besesikhitshaneni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.
22
Basishiya kwangoko isikhitshana noyise, balandela uYesu.
23
UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa *ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke.
24
Lwaphuma udumo lwakhe, lwavakala kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abagulayo, benezifo neentuthumbo, nabaphethwe ziindimoni, nabanesithuthwane, nabafe umzimba, waza wabaphilisa.
25
Ke izihlwele zabantu zazimlandela uYesu, zivela eGalili, nakwiiDolophu eziliShumi, naseJerusalem, nakwelakwaJuda, naphesheya kweJordan.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28