bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Micah 2
Micah 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 3 →
1
Mawoo ke, nina baceba ububi – nditsho nina bayila inkohlakalo kwiimandlalo zenu! Kwakusa benza loo nkohlakalo, kuba kaloku isemandleni abo.
2
Bakunqwenela intsimi bayayohlutha; bakubawela indlu bayayoxutha. Umzi womntu bawuthatha ngobuqili, ilifa lomfo liphelele kubo.
3
Ngoko ke utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Ndiniqulunqela isithwakumbe, bantundini; aningekhe nibe nako ukusinda kuso. Soze nibe sahamba ngebhongo, kuba koba kugos' okwaphukayo.
4
Ngaloo mini niya kuba sisigculelo, baphoxise ngani ngelenzila iculo, besithi: ‘Basivuthulule satshabalala mpela; balahlula-hlule ilifa labantu bam. UNdikhoyo ulithathile kuthi walinikela kwabo bangabavukeli.’ ”
5
Ngoko ke akuyi kubakho mntu, nditsho ebandleni likaNdikhoyo, oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.
6
Abashumayelayo bathi: “Hayi, musa ukushumayela! Sukushumayela ngayo le nto; akukho hlazo liya kusihlela.”
7
Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe: “Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile? Uthi angazenza izinto ezinjalo?” “Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?
8
Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba. Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni, nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.
9
Niyabagxotha abafazi bakowethu, bemke emizini elibhongo labo. Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam, bangaze bayifumane naphakade.
10
Yithi thwas' uhambe, kuba le asiyondawo yakuphumla. Ewe, le ndawo ixabhelekile; ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.
11
Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi: ‘Mna ndishumayela indyebo; yoba yindyikityha yewayini notywala;’ yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”
12
“Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi; ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli. Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni. Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.
13
Uvulindlela wohamba phambi kwabo; botyhoboza baphume esangweni. Ukumkani woba yena ekhokele, *uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7