bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Micah 7
Micah 7
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
1
Mawoo! Hayi ubugxwayiba endikubo! Sendifana nokhwahlaza iziqhamo, obhikica esidiliyeni ehlotyeni. Phi ke? Akukho nesihloko esi seediliya sokuba nditye! Akusekho neli lolibo ikhiwane!
2
Akasekho amadoda anyanisekileyo emhlabeni; amadoda athe ngqo suka athi shwaka. Akhoyo alalela ukuphalaza igazi; elowo uzingela umntakwabo ngomnatha.
3
Izandla zabo zozibini zinobuchule ekwenzeni ububi. Ooziphathamandla bafunana nezicengo. Abalawuli bathe thwanga kukunyotywa. Izikhulu zifezekisa iminqweno yazo. Ewe, badibene ngokufutha amayelenqe.
4
Noyena ubalaseleyo kubo nqwa nokhula; kunoyena uthembekileyo kubhetele kwabobo. Ngoku igalelekile imini yesohlwayo; yiphaphele oku komlindi. Eli ngoku lixesha lokudideka kwabo.
5
Musa ukuthembela ngommelwane. Hayi, sukubambelela kumhlobo. Ewe ngenene, wabale amazwi akho, nditsho nkqu nakulowo ulele esifubeni sakho.
6
Kaloku noonyana bayabadela ooyise; iintombi zivukelana nabo noonina; umolokazana uvukelana nonina-zala; iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.
7
Kambe ke mna ndijonge *kuNdikhoyo; ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam. UThixo wam yena uya kundiva.
8
Nina zintshaba, sanukundivuyelela. Nakuba ndiwile nje ndobuya ndivuke. Ndingade ndibe ngathi ndisebumnyameni kodwa yena *uNdikhoyo kukukhanya kwam.
9
Kaloku ndimonile uNdikhoyo. Ngoko ke ndoyithwala ingqumbo yakhe, ade ke abuye andithethelele, abuye andilungisele. Yena wondibeka ekukhanyeni, nditsho ndibubone ubulungisa bakhe.
10
Notshaba lwam lotsho lubone; luya kwambathiswa lihlazo. Nditsho olo belufudula lusithi kum: “Ude abe phi na lo Ndikhoyo unguThixo wakho?” Ewe, amehlo am aya kukubona ukuwa kwalo, lunyhashwe ngeenyawo okodaka ezitalatweni.
11
Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho. Ngaloo mini iya kwandiswa imida yakho.
12
Ngaloo mini baya kufika bevela eAsiriya nakwizixeko zaseJiputa, bethabathela eJiputa, bade baye kutsho kumlambo iEfrati, bephuma elwandle, bee xhaxhe ngolunye ulwandle, bethabathela entabeni, baye kuthi gaa ngenye intaba.
13
Lo mhlaba wona woba yinkangala; ewe, ngenxa yabemi bawo, nangenxa yezinto abazenzileyo.
14
Ewe, *Ndikhoyo, baluse abantu bakho; ngaloo ntonga yalusa ilifa lakho, elo ke lizihlalela emahlathini kuloo madlelo mahle kunene. Mabatye eBhashan naseGiliyadi; ewe, mabadle ngendeb' endala.
15
“Njengakwimihla yokuphuma kwenu eJiputa ndobabonisa imimangaliso yam.”
16
Izizwe zothi zingabona zinyoshoze nakuba bezisakuba namandla. Zosuka ke zibamb' ongezantsi, zithi ti, zivingcek' iindlebe.
17
Zosuka zity' uthuli njengeenyoka; zofana nezidalwa ezirhubuluzayo, eziphuma emingxunyeni zingcangcazela. Ziya kunkwantya phambi koNdikhoyo uThixo wakho, zitsho zoyike ngenxa yakho.
18
Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe? Nguwuphi oxolela ubugwenxa, angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe? Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade; kaloku uyimvuze-mvuze bububele.
19
Nangoku wobuya uvelane nathi, izono zethu uzinyathele ngeenyawo, uzilahle lee iziphoso zethu, uzintywilisele enzulwini yolwandle.
20
Wena uya kunyaniseka kuYakobi, uya kubuya ngenceba kuAbraham, njengoko wabhambathisayo ngesifungo koobawo, kudala-dala ngemihla yamandulo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7