bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Micah 3
Micah 3
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 4 →
1
Suka ke mna ndathi: “Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi, nani balawuli bendlu kaSirayeli. Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?
2
Kambe ke, nibuthiyil' ubulungisa, nithand' ububi. Abantu bam nibahlubulula ulusu, nibabhunyule inyama emathanjeni.
3
Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama, nibahlube ulusu lwabo, amathambo abo niwakroboze, nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza, ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”
4
Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli. Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.
5
Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu, abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya, ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe, utsho uNdikhoyo ukuthi:
6
“Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono; kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto. Abashumayeli botshonelwa lilanga, nemini isuke ixubayele.
7
Iimboni ke zona ziya kuhlazeka, oosiyazi baphoxeke. Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso, kuba bengaphendulwa nguThixo.”
8
Ke mna okokwam ndomelele; uMoya kaNdikhoyo uyandongamela, undithe jize ngobulungisa namandla, ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe, uSirayeli ndimbonise isono sakhe.
9
Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi, nani balawuli bendlu kaSirayeli, nina babuthiyileyo ubulungisa, nina bagqwethi bolungelelwano.
10
IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi; iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.
11
Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa; ababingeleli basebenzela inzuzo, nabashumayeli benza izityhilelo khon' ukuze bazuze imali, kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi: “UNdikhoyo ukho phakathi kwethu. Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”
12
Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi, iJerusalem yona ibe ngamabhodlo; ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7