bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Micah 4
Micah 4
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 5 →
1
Ke kaloku ngemihla yokugqibela intaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyo iya kuba yeyona ibalaseleyo, izikrobele zonke iinduli; nabantu baya kugxalathelana ukuya kuyo.
2
Ewe, izizwe ezininzi ziya kuza zithi: “Yizani siye entabeni kaNdikhoyo, endlwini kaThixo kaYakobi. Yena wosifundisa iindlela zakhe, ukuze thina sihambe ngazo.” Kaloku umthetho wophuma eZiyon, liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.
3
Nguye oya kugweba phakathi kwabantu, abe ngumlamli phakathi kwezizwe ezikude nezomeleleyo, wona amakrele awenze amakhuba, yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi. Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele, zingasayi kuze ziphinde ziqeqeshelwe imfazwe.
4
Bonke ngabanye bophumla phantsi kwemidiliya yabo, umntu ahlale phantsi komkhiwane wakhe, kungekho namntu uya kuboyikisa. Kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla.
5
Zonke izizwe ziya kuhamba emagameni *oothixo bazo; ke thina siya kuhamba egameni likaNdikhoyo uThixo wethu nanini nanini.
6
Umlomo *kaNdikhoyo uthi: “Ngaloo mini ndiya kuziqokelela neziqhwala, neembacu ngokwazo ndizihlanganise, ngokunjalo nâbo ndibabandezeleyo.
7
Iziqhwala ndozenza amasalela, iimbacu zibe sisizwe esomeleleyo, uNdikhoyo abalawule kwintaba iZiyon kusukela ngaloo mini kuse ephakadeni.
8
Ke wena, nqaba yemboniselo yomhlambi, wena nduli, ntombindini eyiZiyon, wowubuyiselwa umbuso wamandulo; ewe, ubukhosi bobuyiselwa kwintombi eyiJerusalem.”
9
Ngani ke ukuba ubhomboloze? Ngaba akunaye ukumkani? Ngaba akusenalo na iphakathi, sowupena-pena nje ngoku ngathi ngumfazi efunyenwe yinimba?
10
Pinyalaza uncwine, ntombindini eyiZiyon, ube ngathi ngumfazi mhla ngenimba, kuba uyaphuma ngoku kwesi sixeko. Uza kuhlala empenge-mpengeni. Uza kuya kwelaseBhabheli apho uya kuhlangulwa khona. Uya kukhululwa nguNdikhoyo khona, akukhuphe esandleni seentshaba zakho.
11
Ngoku ke zininzi izizwe ezihlanganisene ngawe. Zithi: “Ewe, mayixabheleke iZiyon, amehlo ethu akubone oko.”
12
Kodwa ke bona abazazi iingcinga zikaNdikhoyo, necebo lakhe abaliqondi. Yena ubaqokelela njengezithungu ingqolowa xa isiya kubhulwa.
13
“Vuka kaloku ubhule, ntombindini iyiZiyon! Ndokunika iimpondo ezingathi yintsimbi, ube neempuphu ezinjengobhedu, izizwe ezininzi uzinyhashe zibe ziintsali, uze loo ngeniso yazo yobutshijolo uyinikele ibe yekaNdikhoyo, ubutyebi bazo buye kwiNkosi yehlabathi lonke.”
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7