bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Micah 5
Micah 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 6 →
1
Hlanganisa umkhosi, wena sixeko sihlaselwayo! Kaloku thina basingqingile. Ke yena umlawuli kaSirayeli baya kumbetha ngentonga esidleleni.
2
“Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata, udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda, kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli, omveli yakhe isukela kwamandulo, kwimihla yasephakadeni.”
3
Ke uSirayeli yena uya kulahlwa ade ke lowo ulunywayo abeleke, ke bona abantakwabo babuye beze bazibandakanye namaSirayeli.
4
Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi, enamandla *kaNdikhoyo, enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe. Ewe, bona bohlala bekhuselekile kuba kaloku ubungangalala bakhe bofikelela nakwiziphelo zehlabathi.
5
Kaloku yena uya kuzisa uxolo. Xa ama-Asiriya elihlasela ilizwe lethu, egaleleka kwiinqaba zethu, sowakhuphela isixhenxe sabelusi – hayi, yoba sisibhozo samatshawe.
6
Ilizwe laseAsiriya aya kulilawula ngekrele, elakwaNimrode alilawule ngamakrele angxashiweyo. Yena uya kusihlangula kuma-Asiriya xa wona ehlasela ilizwe lethu, xa wona engqisha kwimida yethu.
7
Amasalela kaYakobi oba phakathi kwezizwe ezininzi; oku kombethe ovela kuNdikhoyo, oku komvimbi engceni; kaloku wona awujongi mntu, wona awubalindi oonyana babantu.
8
Amasalela kaYakobi oba phakathi kweentlanga – ewe, wona aya kuhlala phakathi kwezizwe ezininzi – oku kwengonyama phakathi kwamarhamncwa ehlathini, oku kwethole lengonyama phakathi kwemihlambi yeegusha – nditsho elihamba linyhasha, liqwenga-qwenga kungekho mhlanguli.
9
Isandla sakho siya kuboyisa ababandezeli bakho, uzitshabalalise zonke iintshaba zakho.
10
Umlomo kaNdikhoyo uthi: “Ngaloo mini ndowatshabalalisa amahashe akho, neenqwelo zakho ndizifohloze.
11
Ndiya kuzivuthulula izixeko zelizwe lakho, ke zona iinqaba ndizibhodloze.
12
Ndiya kuziphuthisa izixhobo zemilingo ezisesandleni sakho, ungabi saba nabo abantu abavumisayo.
13
Ndoyitshabalalisa imifanekiso eqingqiweyo neentsika zonqulo eziphakathi kwenu. Akuyi kuba saguqa kumsebenzi wezandla zakho.
14
Ndozincothula neentsika zika-Ashera phakathi kwenu; izixeko zakho zona ndizibhodloze.
15
Ndiya kuziphindezela ndinomsindo nengqumbo kwezo zizwe zingandithobelanga.”
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7