bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Deuteronomy 16
Deuteronomy 16
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 17 →
1
Yigcine inyanga enguAbhibhi, wenze ipasika kuYehova uThixo wakho; ngokuba wakukhupha ngenyanga enguAbhibhi uYehova uThixo wakho eYiputa ebusuku.
2
Uze ubingelele ipasika kuYehova uThixo wakho, impahla emfutshane neenkomo, kuloo ndawo uYehova aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe.
3
Uze ungadli nto inegwele kunye nayo; imihla yoba sixhenxe usidla izonka ezingenagwele kunye nayo, isonka seentsizi, ngokuba waphuma buphuthuphuthu ezweni laseYiputa; ukuze uwukhumbule umhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa yonke imihla yokudla kwakho ubomi.
4
Kuze kungabonwa gwele emideni yakho yonke imihla esixhenxe;ze kungabikho ntwana yanyama, oyibingelelayo ngokuhlwa ngosuku lokuqala, eba ngumbeko kude kuse.
5
Akunako ukuyibingelela ipasika kulimbi isango, emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho;
6
ke kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe, woyibingelela apho ipasika, ngokuhlwa, ukutshona kwelanga, ngexesha owaphuma ngalo eYiputa;
7
uyose, uyidle, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho; ubuye kusasa, uye ezintenteni zakho.
8
Wodla izonka ezingenagwele imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe yingqungquthela kaYehova uThixo wakho; uze ungenzi namnye umsebenzi.
9
Uze uzibalele iiveki ezisixhenxe. Woqala ukuzibalela iiveki ezisixhenxe uthabathela ekulifakeni irhengqa engqoloweni ingekavunwa;
10
wenze umthendeleko weeveki kuYehova uThixo wakho ngokomlinganiso wombingelelo wokuqhutywa yintliziyo wesandla sakho, uwunike njengokusikelelwa kwakho nguYehova uThixo wakho;
11
uvuye phambi koYehova uThixo wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi ose. masangweni akho, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi ophakathi kwenu, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe uYehova, uThixo wakho.
12
Uze ukhumbule ukuba ube ulikhoboka eYiputa, uyigcine uyenze le mimiselo.
13
Uze uzenzele umthendeleko weminquba imihla esixhenxe, wakukhova ukubutha okusesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho;
14
uvuye emthendelekweni wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho.
15
Imihla yoba sixhenxe usenza umthendeleko kuYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kukusikela elungeniselweni lwakho lonke, nasemisebenzini yonke yezandla zakho, ube nokuvuya kuphele.
16
Izihlandlo ezithathu ngomnyaka mayibonakale into yonke eyindoda ebusweni bukaYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula; ngomthendeleko wezonka ezingenagwele, nangomthendeleko weeveki, nangomthendeleko weminquba.Makangabonakali ke engaphethe lutho ebusweni bukaYehova;
17
elowo abonakale ngokupha kwesandla sakhe, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo.
18
Wozimisela abagwebi nababhali emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngogwebo olulungileyo.
19
Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa.
20
Ubulungisa, ubulungisa obu, uze ubuphuthume, ukuze uphile, ulihluthe ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho.
21
Uze ungazigxumekeli Ashera wemithi, nokuba yiyiphi, ecaleni lesibingelelo sikaYehova uThixo wakho, ozenzela sona;
22
ungazimiseli simiso selitye, into ayithiyileyo uYehova uThixo wakho.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34