bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Deuteronomy 5
Deuteronomy 5
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 6 →
1
Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.
2
UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.
3
UYehova akawenzanga noobawo bethu lomnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje.
4
UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.
5
Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ananyuka niye entabeni. Wathi:
6
NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
7
Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
8
Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
9
Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;
10
ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
11
Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayikumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.
12
Gcina umhla wesabatha, ukuba wungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.
13
Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
14
ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho.Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;
15
ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko ukuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.
16
Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulunge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
17
Uze ungabulali.
18
Uze ungakrexezi.
19
Uze ungebi.
20
Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
21
Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
22
Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini asesithokothokweni, ngezwi elikhulu, akongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.
23
Kwathi, nakuliva ilizwi phakathi kobumnyama, intaba isitsha ngumlilo, nasondela kum, zonke iintloko zezizwe zakowenu, namadoda amakhulu akowenu;
24
nathi, Yabona, uYehova uThixo wethu usibonisile ubuqaqawuli bakhe nobukhulu bakhe, nelizwi lakhe silivile phakathi komlilo.Namhla sibonile ukuba uYehova nomntu, aphile noko.
25
Ngoko yini na ukuba sife? Ngokuba lo mlilomkulu uya kusidla; ukuba sithe saphinda saliva ilizwi likaYehova uThixo wethu, sofa.
26
Kuba ngubani na enyameni yonke, owakha waliva ilizwi likaThixo ohleliyo, ethetha phakathi komlilo, njengathi, waphila noko?
27
Sondela wena, uve konke okuthethwa nguYehova uThixo wethu, ukuthethe wena kuthi; konke aya kukuthetha uYehova uThixo wethu kuwe, sokuva sikwenze.
28
Waliva ke uYehova izwi lokuthetha kwenu ekuthetheni kwenu kum; wathi uYehova kum, Ndilivile izwi lokuthetha kwaba bantu abakuthethileyo kuwe; bakulungisile konke abakuthethileyo.
29
Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulunge kubo noonyana babo ngonaphakade!
30
Yiya, uthi kubo, Buyelani ezintenteni zenu.
31
Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balime.
32
Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.
33
Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulunge kuni, niyolule imihla ezweni eloniya kulima.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34