bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Deuteronomy 33
Deuteronomy 33
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 34 →
1
Yiyo le intsikelelo, awabasikelela ngayo uMoses, indoda yakwaThixo, oonyana bakaSirayeli, phambi kokufa kwakhe, wathi:
2
UYehova wavela eSinayi, Waphuma kwaSehire phezu kwabo;Wabengezela esezintabeni zeParan, Weza ephuma kwiingcwele ezimawaka alishumi, Ekunene kwakhe ikukubinza komlilo kubo.
3
Inene, uyazithanda izizwe. Bonke abangcwele bakhe basesandleni sakho, Bahlala ezinyaweni zakho, Besuke ngamazwi akho.
4
UMoses wasiwisela umyalelo, Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi.
5
Waba ngukumkani kwaYeshurun, Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu, Izizwe zakwaSirayeli zindawonye.
6
URubhen makadle ubomi, angafi; Angabi mbalwa amadoda akhe.
7
Le yintsikelelo kaYuda, wathi, Yiva, Yehova, izwi likaYuda, Umngenise kubantu bakowabo; Uyabalwela ngezandla zakhe; Umnceda wena kubabandezeli bakhe.
8
Wathi ngoLevi, IiTumim zakho neeUrim zakho zezomntu wakho wenceba, Owamlingayo eMasa, Wabambana naye emanzini aseMeribha.
9
Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni; Akatheni nabazalwana bakhe, Akabazi noonyana bakhe; Ngokuba egcine intetho yakho, Wabamba umnqophiso wakho.
10
Baya kumyala uYakobi ngamasiko akho, Bamyale uSirayeli ngomyalelo wakho, Babeke isiqhumiso ezimpumlweni zakho, Namadini apheleleyo esibingelelweni sakho.
11
Sikelela, Yehova, amandla akhe, Ukholeke kuwe umsebenzi wezandla zakhe. Baphaluswe emanqeni abavukelana naye, Nabamthiyileyo bangabi nakuvuka.
12
NgoBhenjamin wathi, Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile; Uyikhusele imini yonke, Ihlala phakathi kwamagxa akhe.
13
NgoYosefu wathi. Malisikelelwe nguYehova ilizwe lakhe Ngezinto ezinconywayo zezulu; Ngombethe nangamanzi enzonzobila elele ezantsi.
14
Nangezinconywayo eziveliswa lilanga, Nangezinconywayo ezihlunyiswa ziinyanga,
15
Nangeencopho zeentaba zamandulo, Nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade,
16
Nangezinconywayo zomhlaba nenzaliseko yawo. Nekholo lowahlala etyholweni Malifike entlokweni kaYosefu, Naselukakayini lwalowo ubalulekileyo kubazalwana bakhe.
17
Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo!Ziimpondo zenqu iimpondo zayo; Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi. Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo.Ngamawaka akwaManase ke lawo.
18
NgoZebhulon wathi, Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho;Vuya, Isakare, ngeentente zakho.
19
Baya kumema izizwe, zize entabeni, Babingelele khona imibingelelo yobulungisa; Ngokuba besanya ubutyebi beelwandle Nezinto eziselelwe entlabathini.
20
NgoGadi wathi, Makabongwe owandisa uGadi. Ubuthuma njengengonyamakazi, Adlavule umkhono, ewe, nokakayi.
21
Wazibonela isahlulo esiyingqalo; Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho. Weza kwiintloko zabantu, Wenza ubulungisa bukaYehova, Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.
22
Wathi ngoDan, UDan lithole lengonyama; Usuka umtsi eBhashan.
23
NgoNafetali wathi, Nafetali, ukholisiweyo kanye, Uzeleyo yintsikelelo kaYehova, Woluhlutha ulwandle nomzantsi.
24
NgoAshere wathi, Usikelelwe ngaphezu koonyana uAshere;Makabe likholo phakathi kwabazalwana bakhe, Athi nkxu unyawo lwakhe eolini.
25
Imivalo yakho yoba sisinyithi nobhedu, Kube ngangeemini zakho ukonwaba kwakho.
26
Akukho unjengoThixo, Yeshurun, Ulokhwela emazulwini eluncedo lwakho, Ulokhwela esibhakabhakeni enobungangamsha bakhe.
27
Likhaya uThixo wamandulo, Ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade. Ugxotha utshaba ebusweni bakho; Uthi, Tshabalalisa!
28
USirayeli uhlala ekholosile, Uwodwa umthombo kaYakobi, Usinga ezweni lengqolowa newayini entsha; Inene izulu lalo liqhoqhoza umbethe.
29
Unoyolo, Sirayeli! Ngubani na onjengawe, bantu basindiswe nguYehova, Ikhaka loncedo lwakho, Ikrele lobungangamsha bakho.Ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho, Unyathele ke wena emimangweni yazo.
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 34 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34