bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Deuteronomy 23
Deuteronomy 23
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 24 →
1
Makangangeni ebandleni likaYehova olinyazwe ngokutyunyuzwa amasende, nonqanyulwe ubudoda.
2
Makungangeni mgqakhwe ebandleni likaYehova; nesizukulwana sawo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova.
3
Makangangeni ebandleni likaYehova umAmon nomMowabhi;nesizukulwana sabo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova naphakade;
4
ngenxa yokuba benganikhawulelanga ngesonka nangamanzi endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa; nangenxa enokuba bakuqeshela uBhileham unyana kaBhehore, wasePetore kwa-Aram phakathi kwemiLambo, ukuba akuqalekise.
5
Akavuma ke uYehova uThixo wakho ukumphulaphula uBhileham;usuke uYehova uThixo wakho wakuguqulela isiqalekiso saba yintsikelelo; ngokuba ubekhuthanda uYehova uThixo wakho.
6
Uze ungalukhathaleli naphakade uxolo lwabo nokuhlala kwabo kakuhle, yonke imihla yakho.
7
Aze angabi lisikizi kuwe umEdom, ngokuba ngumzalwana wakho;aze angabi lisikizi kuwe umYiputa, ngokuba ube ungumphambukeli ezweni lakhe.
8
Oonyana abathe babazala, abasisizukulwana sabo sesithathu, bongena ebandleni likaYehova.
9
Xa uthe waphuma umkhosi, waya ezintshabeni zakho, uze uzigcine kwinto yonke embi.
10
Xa kuthe kwakho kuwe indoda engahlambulukileyo, ngenxa yento eyihleleyo ebusuku, yophuma iye ngaphandle kweminquba;mayingangeni phakathi kweminquba.
11
Kothi, xa kuhlwayo, ihlambe ngamanzi; ithi lakutshona ilanga, ingene ke ngaphakathi kweminquba.
12
Woba nendawo engaphandle kweminquba, uphume ke uye khona endle.
13
Uze ube nolugxa empahleni yakho; kuthi ekuhlaleni phantsi kwakho endle, umbe ngalo, uhlale phantsi, ukuselele okuphuma kuwe;
14
ngokuba uYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akuhlangule, azinikele iintshaba zakho kuwe. Ize icokiseke iminquba yakho, angaboni nto iziintloni kuwe, ajike emke kuwe.
15
Uze ungasinikeli enkosini yaso isicaka esisabele kuwe, sisuka enkosini yaso.
16
Sohlala nawe phakathi kwenu, kuloo ndawo sithe sayinyula kwelinye isango emasangweni akho, apho kusilungele khona; uze ungasixinzeleli phantsi.
17
Makungabikho ng awukazi kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli.
18
Uze ungalungenisi utsheqo lwehenyukazi nomvuzo wenja endlwini kaYehova uThixo wakho, ngenxa yesibhambathiso nokuba sisiphi; ngokuba zingamasikizi kuYehova zombini ezo zinto.
19
Uze ungambizi nzala umzalwana wakho: nzala yamali, nzala yakutya, nzala nokuba yeyani ekubizwa inzala ngayo.
20
Wobiza inzala kowolunye uhlanga; uze ungabizi nzala kumzalwana wakho, ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho ezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, kulo ilizwe ongena kulo ukuba ulime.
21
Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova uThixo wakho, uze ungalibali ukusizalisa; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kusibiza kuwe, kube sisono kuwe.
22
Ke xa uthe wayeka, akwabhambathisa, akuyi kuba sono oko kuwe.
23
Okuphume emlonyeni wakho kugcine, ukwenze; njengoko ubhambathise ngako kuYehova uThixo wakho ngokuqhutywa yintliziyo, wakuthetha ngomlomo wakho.
24
Xa uthe wangena esidiliyeni sommelwane wakho, ungayidla idiliya uzifikisele, uhluthe, kodwa ungagaleli esityeni sakho.
25
Xa uthe wangena engqoloweni yommelwane wakho, engekavunwa, wokha izikhwebu ngesandla sakho; ungafaki rhengqa engqoloweni yommelwane wakho engekavunwa.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34