bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Deuteronomy 27
Deuteronomy 27
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 28 →
1
UMoses namadoda amakhulu akwaSirayeli abawisela abantu umthetho, esithi, Wugcineni wonke umthetho endiniwiselayo namhla.
2
Wothi, ngemini enithe nayiwela iYordan, nangena kwelo zwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uzimisele amatye amakhulu, uwaqabe ngefutha,
3
ubhale kuwo onke amazwi alo myalelo, wakuba uwelile; ukuze ungene kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo, ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko uYehova uThixo woyihlo wathethayo kuwe.
4
Nothi, nakuyiwela iYordan, nimise la matye ndiniwisela umthetho ngawo namhla, entabeni ye-Ebhali, uwaqabe ngefutha;
5
wakhele apho isibingelelo kuYehova uThixo wakho, isibingelelo samatye; ungasiphakamiseli ntlabo yantsimbi.
6
Wosakha ngamatye awonke isibingelelo sikaYehova uThixo wakho, unyuse phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova uThixo wakho;
7
ubingelele imibingelelo yoxolo, udle khona, uvuye phambi koYehova uThixo wakho;
8
uwabhale uwalungise ematyeni lawo onke amazwi alo myalelo kakuhle.
9
UMoses nababingeleli abaLevi bathetha ke kumaSirayeli onke, besithi, Yithi cwaka, uve, Sirayeli! Namhla nithe naba ngabantu kuYehova uThixo wakho;
10
uze uliphulaphule izwi likaYehova uThixo wakho, wenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe, endikuwiselayo namhla.
11
UMoses wabawisela abantu umthetho ngaloo mini, esithi,
12
Aba baya kuma basikelele abantu, entabeni yeGerizim, nakuyiwela iYordan: uSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noYosefu, noBhenjamin:
13
aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali: uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali.
14
Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:
15
Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
16
Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.
17
Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
18
Uqalekisiwe olahlekisa imfama endleleni; bathi bonke abantu, Amen.
19
Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen.
20
Uqalekisiwe olala nomkayise; ngokuba utyhila isondo lengubo kayise; bathi bonke abantu, Amen.
21
Uqalekisiwe olala nantoni ezitho zine; bathi bonke abantu, Amen.
22
Uqalekisiwe olala nodade wabo, nokuba yintombi kayise, nokuba yintombi kanina; bathi bonke abantu, Amen.
23
Uqalekisiwe olala nomkhwekazi wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
24
Uqalekisiwe ombulalayo ummelwane wakhe ngasese; bathi bonke abantu, Amen.
25
Uqalekisiwe osamkelayo isicengo sokubulala umntu, igazi elingenatyala; bathi bonke abantu, Amen.
26
Uqalekisiwe ongawamisiyo amazwi alo myalelo ukuba awenze;bathi bonke abantu, Amen.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34