bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Esther 1
Esther 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 2 →
1
KWAYE kute emihleni ka‐Hasheveroshe, (nguyena Hasheveroshe owapata ubukumkani kwa se‐Yindiya kwada kwase‐Tiyopiya, amazwana alikulu linamashumi mabini anesixe̔nxe:)
2
emihleni leyo, nxa ukumkani u‐Hasheveroshe abehleli eteroneni yobukumkani bake, ebise‐Shushane komkulu,
3
ngowesitatu umnyaka wokupata kwake, wenzela zonke inkosi zake nezicaka zake isidlo: abamandla base‐Peresiya ne‐Medi, inkosi ezinkulu, nenkosi zamazwana, bebepambi kwake,
4
akubonakalisa ubutyebi bobungewalisa bobukumkani bake, nenkazimlo yobungangamsha bobukulu bake, imihla emininzi, imihla elikulu linamashumi asibozo.
5
Kekaloku kwakuzaliseka imihla leyo, wandula ukumkani wabenzela isidlo bonke abantu ababeko e‐Shushane komkulu, kwa nabakulu nabancinane, imihla yasixe̔nxe, ebaleni lomyezo woxande lwokumkani:
6
amalengalenga alo ebengaweqiya emhlope, n eluhlaza, nezuluṙa, ebotshelelwe ngentambo zeqiya eshiceneyo nesibomvu kuyo imisesane yesilivere nakuzo intsika zamatye amhlope: izihlalo bezizezegolide nezesilivere, pezu kwesandlalwa samatye abomvu, namhlope, nalubelu, namnyama.
7
Kwaye kusezwa ngempahla zegolide, zingafani impahla enye nenye; kwabako neveyine eninzi yobukumkani, ngokwesisa sokumkani.
8
Nokusela bekungawo umteto; akwanyanzelwa mntu: ngokuba bekunjalo ukumkani ebemisele bonke abakulu bendlu yake, ukuba makwenziwe ngentando yabanye ngabanye.
9
Kanjako u‐Vashiti ukumkanikazi wenzela abafazi isidlo, endlwini yobukumkani abenayo ukumkani u‐Hasheveroshe.
10
Ngowesixe̔nxe umhla, nxa intliziyo yokumkani ibicwayitile ngeveyine, waxelela u‐Mehumane, u‐Bizeta, u‐Harebona, u‐Bigeta, no‐Abageta, u‐Zetari, no‐Karekase, ababusi bosixe̔nxe abakonzayo ebusweni bokumkani u‐Hasheveroshe,
11
ukuba bamzise u‐Vashiti ukumkanikazi pambi kwokumkani, enesitsaba sobukumkani, aze abonise abantu nenkosi ubunzwakazi bake: ngokuba ebemhle ukubonakala kwake.
12
Kodwa ukumkanikazi u‐Vashiti wala ukuza ngelizwi lokumkani o walitumayo ngababusi abo: waza ukumkani waqumba kakulu, nomsindo wake wausitsha pakati kwake.
13
Wandula ukumkani wati kwizilumko, ezibe ziwazi amaxesha: (ngokuba belinjalo isiko lokumkani ebusweni babo bonke ababesazi umteto nokugweba:
14
nabakufupi kuye, ngu‐Kareshena, u‐Shetari, u‐Ademata, u‐Tareshishe, u‐Meresi, u‐Maresena, n o‐Memukane, inkosi zosixe̔nxe zase‐Peresiya ne‐Medi ezibe zibona ubuso bokumkani, ezahlala zizezokuqala ebukumkanini:)
15
Kuya kwenziwa nto nina kuye ukumkanikazi u‐Vashiti ngawo umteto, ngenxa yokuba engenzanga ingxelo yokumkani u‐Hasheveroshe ngababusi?
16
Waza u‐Memukane wati ebusweni bokumkani nenkosi: u‐Vashiti ukumkanikazi akonelanga ukumkani yedwa, koko oneleyo zonke inkosi, nabo bonke abantu abakoyo kuwo onke amazwana okumkani u‐Hasheveroshe.
17
Ngokuba le ndawo yokumkanikazi iya kupumela kubo bonke abafazi, bade badele amadoda abo emehlweni abo, kwakutiwa: Ukumkani u‐Hasheveroshe waxela ukuba makuziswe pambi kwake u‐Vashiti ukumkanikazi, kanti akeza.
18
Aya kutsho kwa namhla nje amakosikazi ase‐Peresiya ne‐Medi, avileyo indawo yokumkanikazi, kuzo zonke inkosi zokumkani; kwandul’ ukubako ubuninzi bokudela nomsindo.
19
Ukuba kunga kulungile kukumkani, makupume ilizwi lobukumkani kwa sebusweni bake, maliba̔lwe pakati kwemiteto yama‐Peresiya nama‐Medi, lize lingatshitshi, lokokuba u‐Vashiti angez’ angene ebusweni bokumkani u‐Hasheveroshe, nobukumkanikazi bake makabunike ukumkani kummelwanekazi wake omdlulayo ngokulunga.
20
Kwoti kwakuvakala umteto wokumkani aya kuwenza kubo bonke ubukumkani bake, (ngokuba bukulu bona,) bonke abafazi bowanika imbeko amadoda abo, kwa namakulu namancinane.
21
Laye ilizwi elo lilungile emehlweni okumkani nenkosi; waza ukumkani wenza ngalo ilizwi lika‐Memukane:
22
ngokuba wazituma incwadi kuwo onke amazwana okumkani, kwizwana ngezwana ngokuba̔la kwalo, nakwabantu ngabantu ngenteto yabo, zokuba onke amadoda abe nobukosi ezindlwini zawo, atete ngenteto yabantu bakowawo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10