bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Esther 9
Esther 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 10 →
1
KEKALOKU ngenyanga yeshumi linesibini, ekwa yinyanga yo‐Adari, ngoweshumi elinesitatu umhla wayo, okuya bekuza kufika ukwenziwa kwelizwi lokumkani nomteto wake, ngomhla ezati intshaba zama‐Juda zatembela ukuba zibe namandla pezu kwawo, (kodwa kwaguqulwa oko, ngokuba ama‐Juda wona ebenamandla pezu kwabatiyi bawo,)
2
ahlanganisana ama‐Juda ezixekweni zawo, kuwo onke amazwana okumkani u‐Hasheveroshe, ukuze abeke isandla pezu kwabo bakufunayo ukwenzakala kwawo: akwabiko mntu obenako ukuma ebusweni bawo; ngokuba ukwoyikwa kwawo bekuwile pezu kwabobantu bonke.
3
Kanjalo abapati bamazwana, nenkosi ezinkulu, nenkosi, nabo bawenza umsebenzi wokumkani, bawanceda ama‐Juda; ngokuba ukwoyikwa kuka‐Modekai bekuwile pezu kwabo:
4
ngokuba ebemkulu u‐Modekai endlwini yokumkani, nodumo lwake lwapumela kuwo onke amazwana: ngokuba lendoda, u‐Modekai, yamana yaba nkulu.
5
Aza ama‐Juda abeta zonke intshaba zawo ngokubeta kweṙele, nangesibulalo, nangembubiso, enza ngokutanda kwawo kubo abatiyi bawo,
6
nase‐Shushane komkulu ama‐Juda abulala abubisa amadoda amakulu mahlanu.
7
No‐Pareshandata, no‐Dalifone, no‐Asepata,
8
no‐Porata, no‐Adaliya, no‐Aridata,
9
no‐Paremasheta, no‐Arisai, no‐Aridai, no‐Vayezata,
10
onyana boshumi baka‐Hamani unyana ka‐Medata, utshaba lwama‐Juda, ababulala; kodwa impango akabeka izandla zawo pezu kwayo.
11
Ngalomini kwaziswa pambi kwokumkani inani lababuleweyo e‐Shushane komkulu.
12
Waza ukumkani wati ku‐Esetere ukumkanikazi: e‐Shushane komkulu ama‐Juda abulele abubisa amadoda amakulu mahlanu, nonyana boshumi baka‐Hamani; enze nto nina kuwo amanye amazwana okumkani? kekaloku siyinto nina isicelo sako? sesiya kunikwa kuwe: siseyinto nina isikungo sako? siya kwenzwa ke.
13
Wandula wati u‐Esetere: Ukuba kunga kulungile kukumkani, makuvunyelwe ama‐Juda ase‐Shushane nangomso, ukuba enze ngawo umteto wanamhla, nonyana boshumi baka‐Hamani mabaxo̔nywe emtini.
14
Waxela ukumkani ukuba makwenjwe njalo: kwaza kwanikwa umteto e‐Shushane, kwaxo̔nywa onyana boshumi baka‐Hamani.
15
Ahlanganisana ke ama‐Juda ase‐Shushane nangoweshumi linesine umhla wenyanga yo‐Adari, abulala amadoda amakulu matatu e‐Shushane; kodwa impango akabeka izandla zawo pezu kwayo.
16
Kanjalo amanye ama‐Juda abesemazwaneni okumkani ahlanganisana, apakamela ubomi bawo, apumla ezintshabeni zawo, abulala kubatiyi bawo amawaka angamashumi asixe̔nxe enesihlanu, (kodwa impango akabeka izandla zawo pezu kwayo,)
17
ngoweshumi linesitatu umhla wenyanga yo‐Adari; nangoweshumi elinesine umhla wayo apumla ke, awenza wona umhla wesidlo novuyo.
18
Kodwa ama‐Juda abese‐Shushane ahlanganisana ngoweshumi linesitatu umhla wayo, nangoweshumi linesine umhla wayo; apumla ke ngoweshumi linesihlanu umhla wayo, awenza wona umhla wesidlo novuyo.
19
Ngako oko ama‐Juda asemizini, lawo ahlala ezixekweni zapandle, awenza oweshumi linesine umhla wenyanga yo‐Adari owovuyo nesidlo, nomhla omnandi, nowokutumelana izabelwa.
20
WAZA u‐Modekai waba̔la ezizinto, wazituma incwadi kuwo onke ama‐Juda abekuwo onke amazwana okumkani u‐Hasheveroshe, lawo akufupi nalawo akude,
21
ukuze kuqiniswe pezu kwawo, ukuba abambe oweshumi linesine umhla wenyanga yo‐Adari, noweshumi linesihlanu umhla wayo, kuyo yonke iminyaka ngaminye,
22
njengokuba iyimihla apumla ngayo ama‐Juda ezintshabeni zawo, nenyanga ebekuwaguqulelwa usizi lwaba luvuyo, nolilo lwaba ngumhla omnandi: ukuba ayenze yona imihla yesidlo novuyo, neyokutuma izabelwa omnye komnye, namabaso kumahlwempu.
23
Aza ama‐Juda avuma ukwenza njengokuqala kwawo, nanjengokuba u‐Modekai ebeba̔lile kuwo;
24
ngenxa yokuba u‐Hamani unyana ka‐Medata, um‐Hagagi, utshaba lwawo onke ama‐Juda, ebeqingile ngakuwo ama‐Juda ukuwabubisa, nokuba ebewisile i‐Puri, oko kukuti, iqashiso, ukuwatshabalalisa, nokuwabubisa;
25
kodwa akungena u‐Esetere ebusweni bokumkani, waxela ngencwadi, ukuba iqinga lake elikohlakeleyo, owaliqingayo ngakuwo ama‐Juda, libuyele pezu kweyake intloko, nokuba kuxo̔nywe yena nonyana bake emtini.
26
Kukona ke kwabizwa imihla le ngokuti yi‐Purime, ngegama le‐Puri. Ngako oko, ngenxa yawo onke amazwi alencwadi, na ngenxa yoko abekubonile ngalondawo, noko obekuwahlele,
27
aqinisa atabata ama‐Juda pezu kwawo, napezu kwenzalo yawo, napezu kwabo bonke abaya kuzibandakanyela kubo, kuze kungatshitshi, ukuba oyibamba lemihla yomibini, ngokuba̔lwa kwayo, nangomzuzu wayo, kuyo yonke iminyaka ngaminye;
28
nokuba lemihla ikunjulwe igcinwe kuzo zonke izizukulwana ngazinye, isizalwane ngesizalwane, izwana ngezwana, isixeko ngesixeko; nokuba lemihla ye‐Purime ingatshitshi pakati kwama‐Juda, nenkunjulwa yayo ingapeli kwinzalo yawo.
29
Wandula waba̔la u‐Esetere ukumkanikazi, intombi ka‐Abihayili, no‐Modekai um‐Juda, ngegunya lonke, ukuqinisa lencwadi yesibini ye‐Purime.
30
Wazituma ke incwadi kuwo onke ama‐Juda, kuwo amazwana alikulu linamashumi mabini anesixe̔nxe obukumkani buka‐Hasheveroshe, amazwi oxolo nenyaniso:
31
ukuze kuqiniswe lemihla ye‐Purime ngemizuzu yayo, njengokuba ebeqinisile pezu kwawo u‐Modekai um‐Juda, no‐Esetere ukumkanikazi, nanjengokuba ebeqinisile pezu kwawo wona napezu kwenzalo yawo, indawo zokuzila ukutya nezokukala kwawo.
32
Ezindawo ze‐Purime ingxelo ka‐Esetere yaziqinisa; yaba̔lwa nasencwadini.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10