bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Esther 7
Esther 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 8 →
1
Wandula wangena ukumkani no‐Hamani ukusela no‐Esetere ukumkanikazi.
2
Wayesiti ukumkani ku‐Esetere, nangomhla wesibini, esidlweni seveyine: Siyinto nina isicelo sako, kumkanikazi Esetere? sesiya kunikwa kuwe; siyinto nina nesikungo sako? siya kufezwa nakude kube sisiqingata sobukumkani.
3
Wandula wapendula u‐Esetere ukumkanikazi, wati: Ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, kumkani! nokuba kunga kulungile kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngesicelo sam, nabantu bam ngesikungo sam:
4
ngokuba sitengelwe, mna nabantu bam, ukutshatyalaliswa, ukubulawa, nokubujiswa. Ukuba kodwa sibe sitengelwe ukuba ngamakonza namakonzakazi, bendiya kuti cwaka, nangona utshaba lungenako ukwenzelelela ukwonakala kwokumkani.
5
Waza wapendula ukumkani u‐Hasheveroshe, wati ku‐Esetere ukumkanikazi: Ngubanina lo, upina lo, ontliziyo imkalipisile ukwenje njalo?
6
Wayesiti u‐Esetere: Utshaba nempi ngu‐Hamani lo okohlakeleyo. Wandula woyika u‐Hamani ebusweni bokumkani nokumkanikazi.
7
Wesuka ukumkani ngomsindo wake esidlweni seveyine, waya emyezweni woxande: wema no‐Hamani, ukuba abongozele ubomi bake ku‐Esetere ukumkanikazi; ngokuba ebebona ukuba ububi bugqityiwe ngakuye ngukumkani.
8
Wati akubuya ukumkani emyezweni woxande ukuza endlwini yesidlo seveyine, kekaloku u‐Hamani ebewile pezu kwomandlalo u‐Esetere abepezu kwawo. Wandula wati ukumkani: Kanene uya kumdlwengula ukumkanikazi na enam endlwini? Lisapuma ilizwi emlonyeni wokumkani, bagubungela ubuso buka‐Hamani.
9
Wayesiti u‐Harebona, omnye kubo ababusi, ebusweni bokumkani: Kanjako bona ke, lomti u‐Hamani wawenzela u‐Modekai, obetetele ukumkani okulungileyo, umi endlwini ka‐Hamani, uzikubite ezimashumi mahlanu ubude bawo. Wati ke ukumkani: Mxo̔meni pezu kwawo.
10
Baza bamxo̔ma u‐Hamani emtini abewulungisele u‐Modekai. Kwand’ ukudamba umsindo wokumkani.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10