bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Esther 4
Esther 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 5 →
1
WATI u‐Modekai akukwazi konke okube kwenziwe, wandula u‐Modekai waṙazula izivato zake, wambata intlakantlaka notutu, wapuma waya pakati kwesixeko, wakala ngesikalo esikulu esiṙaṙa;
2
weza kude kwapambi kwesango lokumkani: ngokuba bekungengenwe mntu esangweni lokumkani eyambete intlakantlaka.
3
Nakuwo onke amazwana ngamanye, apo kwafika kona ilizwi lokumkani nomteto wake, bekuko usizi olukulu pakati kwama‐Juda, nokuzila ukutya, nokulila, nesijwili; bati abaninzi balala pezu kwentlakantlaka notutu.
4
Zandula zeza izicakazana zika‐Esetere nababusi bake, bamxelela. Waza ukumkanikazi waba buhlungu kakulu; watuma izivato ukuba kuvatiswe u‐Modekai, nokuba kususwe kuye intlakantlaka yake: kodwa akazamkela.
5
Wandula u‐Esetere wambiza u‐Hataki, owababusi bokumkam, lowo abemmisele ukukonza kuye, wamyalezela ku‐Modekai, kuze kwaziwe lento ukuba iyinto nina, nokuba inganina.
6
Wapuma u‐Hataki waya ku‐Modekai, enkundleni yesixeko ebipambi kwesango lokumkani.
7
Waza u‐Modekai wamxelela konke obekumhlile, nesishumayelo sesilivere abete u‐Hamani uya kuyilinganisela ezindyetyeni zokumkani ngenxa yama‐Juda, ukuze abujiswe.
8
Nesitsho sesiba̔lo somteto esibe sinikwe e‐Shushane, sokuba atshatyalaliswe, wasinika kuye, ukuze ambonise u‐Esetere, amshumayeze, amyalele ukuba angene kukumkani ukutaṙuzisa kuye, nokubongozela abantu bake ebusweni bake.
9
Wasuka weza u‐Hataki wamxelela u‐Esetere amazwi ka‐Modekai.
10
Wabuya wateta u‐Esetere ku‐Hataki, wamyalezela ku‐Modekai, esiti:
11
Ziyazi zonke izicaka zokumkani, nabantu bamazwana okumkani, ukuba umntu, nokuba uyindoda nokuba uyinkazana, osukuba engena kukumkani ekusini lapakati, ongabizwanga, ngumteto wake umnye ukuba afiswe, ngapandle kwalowo aya kuti ukumkani olulele kuye intonga yegolide, aze apile: kodwa mna, andibizwanga ukuba ndingene kukumkani kuse kuntsuku ezimashumi matatu.
12
Bamxelela ke u‐Modekai amazwi ka‐Esetere.
13
Waza u‐Modekai wati ukupendula ku‐Esetere: Ningabi pakati kwako uya kusinda wena endlwini yokumkani, ngapezu kwawo onke ama‐Juda.
14
Ngokuba nxa ugqibela ukuti cwaka ngelixesha, kwopakamela ama‐Juda umciza nosindiso luvela kwiyimbi indawo; kodwa wena nendlu kayihlo niya kububa: ngubanina ke owaziyo, ukuba akufikelanga na ebukumkanini ngenxa yexesha elinjengeli?
15
Waza u‐Esetere wati ukupendula ku‐Modekai:
16
Hamba, hlanganisa onke ama‐Juda akoyo e‐Shushane, nenze inzilo ngenxa yam, nize ningadli ningaseli nokusela imihla ibe mitatu, ebusuku nasemini: kanjalo nam, nezicakazana zam, siya kuyenza inzilo enjalo; ndandule ukungena ngokunjalo kukumkani, okungalungelene nomteto: ukuba ke ndiyabuba, ndiyabuba.
17
Waza wemka u‐Modekai, wenza ngako konke u‐Esetere wabemyalela ngako.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10