bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Esther 3
Esther 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 4 →
1
EMVENI kwezizinto ukumkani u‐Hasheveroshe wamenza mkulu u‐Hamani, unyana ka‐Medata, um‐Hagagi, wampakamisa, wamisa isihlalo sake ngapezu kw es azo zonke inkosi ezibe zinaye.
2
Kekaloku zonke izicaka zokumkani, ezibe zisesangweni lokumkani, zaguqa zaziqubuda pambi kwoHamani: ngokuba ukumkani ebeyalele njalo ngaye. Kodwa u‐Modekai akaguqa, akaziqubuda kanjako.
3
Zaza izicaka zokumkani, ezibe zisesangweni lokumkani, zati ku‐Modekai: Yinina ukuba uwugqite umyalelo wokumkani?
4
Kwaye kute, nxa zateta naye imihla ngemihla, kanti akapulapula kuzo, zandula zamxelela u‐Hamani, ukuze zibone ukuba amazwi ka‐Modekai aya kuma kusinina: ngokuba ebezixelele ukuba ungum‐Juda.
5
Wati akubona u‐Hamani ukuba u‐Modekai akaguqa, nokuba akaziqubuda pambi kwake, wandula u‐Hamani wazala ngumsindo.
6
Kodwa kwadeleka emehlweni ake ukwolula isandla ngakuye u‐Modekai yedwa: ngokuba bebexele kuye abantu baka‐Modekai: ngako wafuna u‐Hamani ukutshabalalisa onke ama‐Juda abekubo bonke ubukumkani buka‐Hasheveroshe, abantu baka‐Modekai.
7
Ngenyanga yokuqala, ekwa yinyanga yo‐Nisane, ngoweshumi linesibini umnyaka wokumkani u‐Hasheveroshe, kwawiswa i‐Puri, oko kukuti, iqashiso, ebusweni buka‐Hamani, kwimini ngemini, nakwinyanga ngenyanga, kwada kwakuyo eyeshumi linesibini inyanga, ekwa yinyanga yo‐Adari.
8
Waza u‐Hamani wati kuye ukumkani u‐Hasheveroshe: Kuko abantu abatile betiwe sa bahlukene pakati kwezizwe, kuwo onke amazwana obukumkani bako; imiteto yabo yahlukile kw ey abantu bonke; nemiteto yokumkani abayenzi: ngako akufanelekile kukumkani ukuba abavume.
9
Ukuba kunga kulungile kukumkani, makuba̔lwe ukuba babujiswe: ndandiya kuzilinganisela ezandleni zabo bawenza umsebenzi, italente zesilivere ezingamawaka alishumi, ukuba ziziswe ezindyetyeni zokumkani.
10
Waza ukumkani watula umsesane wake esandleni sake, wawunika ku‐Hamani, unyana ka‐Medata, um‐Hagagi, utshaba lwama‐Juda.
11
Wayesiti ukumkani ku‐Hamani: Upiwe isilivere leyo, nabantu abo, uze wenze ngabo njengokulungileyo emehlweni ako.
12
Kwandula kwabizwa ababa̔li bokumkani, ngoweshumi linesitatu umhla wenyanga yokuqala, kwaba̔lwa ke, njengako konke abeyalela ngako u‐Hamani, kuzo inkosi ezinkulu zokumkani, nakuzo inkosi ezibe zipezu kwezwana ngezwana, nakubo abapati babantu ngabantu, izwana ngezwana njengokuba̔la kwalo, nabantu ngabantu njengenteto yabo: kwaye kuba̔lwa egameni lokumkani u‐Hasheveroshe, kwancanyatiselwa ngomsesane wokumkani kanjalo.
13
Kwaza kwatunywa incwadi ngezigidimi kuwo onke amazwana okumkani, zokuba kutshatyalaliswe, kubulawe, kubujiswe bonke abangama‐Juda, kwa nabatsha nabadala, intsapo nabafazi, emhleni mnye, koweshumi linesitatu umhla wenyanga yeshumi linesibini, eyinyanga yo‐Adari, nokuba kupangwe amaxoba abo.
14
Isitsho sesiba̔lo besisesokuba kunikwe umteto kuwo onke amazwana ngamanye, utyileka kubo bonke abantu, ukuba babe belungile ngomhla lowo,
15
izigidimi zapuma ke, zinxanyisiwe lilizwi lokumkani; wati umteto lowo wanikwa nase‐Shushane komkulu. Baza ukumkani no‐Hamani bahlala pantsi ukusela; kodwa isixeko se‐Shushane besixakekile.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10