bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Esther 5
Esther 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 6 →
1
Kwaye kute ngowesitatu umhla, wandula wambata u‐Esetere izivato zobukumkani, wema kwelapakati ikusi lendlu yokumkani, malungana nendlu yokumkani: waye ukumkani ehleli esihlalweni sake sobukumkani, ngasendlwini yobukumkani, malungana nocango lwendlu.
2
Kwaza kwati, nxa ukumkani wambona u‐Esetere ukumkanikazi emi ekusini, waselezuza ufefe emehlweni ake: wasuka ukumkani wayolulela ku‐Esetere intonga yegolide ebisesandleni sake; waza wasondela u‐Esetere wapata incam yentonga.
3
Wayesiti ukumkani kuye: Ufuna nto nina, kumkanikazi Esetere? siyinto nina isikungo sako? sonikwa kuwe nakude kube sisiqingata sobukumkani.
4
Wayesiti u‐Esetere: Ukuba kunga kulungile kukumkani, makeze ukumkani no‐Hamani namhla esidlweni endimlungisele sona.
5
Wandula wati ukumkani: Nxamisani u‐Hamani, ukuba enze ngalo ilizwi lika‐Esetere. Kwa njalo ukumkani no‐Hamani beza esidlweni abesilungisile u‐Esetere.
6
Waza ukumkani wati ku‐Esetere, esidlweni seveyine: Siyinto nina isicelo sako? sesiya kunikwa kuwe; siyinto nina nesikungo sako? siya kufezwa nakude kube sisiqingata sobukumkani.
7
Wapendula u‐Esetere, wati: Isicelo sam nesikungo sam sesokuti:
8
Ukuba ndifumene ufefe emehlweni okumkani, nokuba kunga kulungile kukumkani ukunika isicelo sam, nokufeza isikungo sam, makeze ukumkani no‐Hamani esidlweni endiya kubalungisela sona, ndandiya kuti ngomso ndenze ngalo ilizwi lokumkani.
9
WAZA u‐Hamani wapuma ngalomini evuya, enentliziyo ecwayitileyo: kodwa xeshekweni u‐Hamani wambona u‐Modekai esangweni lokumkani, ukuba akasuki, nokuba akashukumi ngenxa yake, waselezala ngumsindo u‐Hamani ngakuye u‐Modekai.
10
Wazinyanzela u‐Hamani noko, weza endlwini yake: waza watuma wabiza izihlobo zake, no‐Zereshe umfazi wake.
11
Wandula u‐Hamani wababalisela ubungcwalisa bobutyebi bake, nobuninzi babantwana bake, nako konke ukumkani abemenze mkulu ngako, nokokuba ebempakamisile ngapezu kwenkosi nezicaka zokumkani.
12
Walekela wati u‐Hamani: Ewe, u‐Esetere ukumkanikazi akangenisa mntu kunye nokumkani esidlweni abesilungisile, kupela mna; kanjalo nangomso ndimenyelwe kuye kunye nokumkani.
13
Kodwa konke oku akundincedi luto, nxa ndisabona u‐Modekai um‐Juda ehleli esangweni lokumkani.
14
Waza wati kuye u‐Zereshe umfazi wake, nazo zonke izihlobo zake: Makulungiswe umti ube zikubite ezimashumi mahlanu ubude bawo, uti kwakusa utete kukumkani ukuba u‐Modekai makaxo̔nywe pezu kwawo; wandule ungene nokumkani esidlweni unokuvuya. Yabilungile lento ku‐Hamani, wawulungisa umti.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10