bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Micah 2
Micah 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 3 →
1
KWOBA nzima kubo abaqingayo inkohlakalo, abadalayo ububi ezililini zabo! ekukanyeni kwokusa bayabenza, ngokuba busemandleni esandla sabo.
2
Bayanqwenela amasimi, bandule bawapange, nezindlu, bandule bazisuse; bayabandezela indoda nendlu yayo, kwa indoda nelifa layo.
3
Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiyaqingela esisizalwane ububi, eningayi kushenxisa intamo zenu kubo; kanjako aniyi kuhamba ngokuzidla; ngokuba loba lixesha elibi elo.
4
Ngalomhla kwotetwa ingoma ngani, kwakuya kulilwa ngesililo esilusizi, kwotiwa: Sigqityelwe ukuci̔takaliswa. Uguqule isabiwo sabantu bam: hai ukusishenxisa kwake kum! wabele umpambuki amasimi etu!
5
Ngako oko akuyi kubako kuwe oposa intambo ngeqashiso, emhlambini kayehova.
6
Ningaprofiteshi; batsho kubo abaprofiteshayo: ukuba abayi kuprofitesha kubo aba, akuyi kumka amahlazo.
7
Wena obizwayo ngendlu ka‐Yakobi! umoya kayehova ufinyele na? zizenzo zake ezi na? amazwi am akamncedi na lowo ulungisayo ukuhamba kwake?
8
Kodwa kudala bavukile abantu bam njengotshaba; niyabahluba umnweba kunye nengubo abo badlulayo ngokunqaba, bebuya ekulweni.
9
Abafazi babantu bam niyabagxota ekayeni labo elimnandi; niyasusa kubantwana babo ubungcwalisa bam kude kube ngunapakade.
10
Sukani, nimke! ngokuba ingeyiyo le indawo yokupumla kwenu; ngenxa yokunco̔la iya ku ni ci̔ta, kwa ngengci̔to enzima.
11
Ukuba umntu, ohamba emoyeni nasebuxokini, uyaxoka, esiti: Ndiya kuprofitesha kuwe ngeveyine nangoselo olunamandla; nguye lo oya kuba ngumprofite wababantu.
12
Ndiya kukuhlanganisa upela ngenyaniso, Yakobi! ndiya kusibuta ngenyaniso isisalela so‐Sirayeli; ndobabeka ndawonye njengezimvu zase‐Botsera, njengomhlambi pakati kwedlelo lawo; baya kwenza impitimpiti ngenxa yobuninzi babantu.
13
Umtyobozeli unyukele pambi kwabo; bayatyobozela, badlulele esangweni; bayapuma ngalo; ukumkani wabo uyadlula pambi kwabo, noyehova entlokweni yabo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7