bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Micah 6
Micah 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 7 →
1
YIVANI ke oko akutshoyo uyehova: Suka, upike ebusweni bentaba, nenduli mazilive ilizwi lako.
2
Yivani, zintaba! ipike likayehova, nani misekelo yomhlaba emiyo futi! ngokuba uyehova enepike nabantu bake, uya kupikisana no‐Sirayeli.
3
Bantu bam! ndenze nto nina kuni? ndinidinisile nganto nina? ndinqi̔neleni.
4
Ngokuba ndaninyusa elizweni le‐Jipete, ndanikulula endlwini yobukoboka; kanjalo ndatuma pambi kwenu u‐Mosesi, n o‐Arone, no‐Miriyame.
5
Bantu bam! kumbulani ke oko wakucebayo u‐Balaki ukumkani wama‐Mowabi, noko wampendulayo ngako u‐Bilame unyana ka‐Behori, noko kwehlayo e‐Shitime kude kwase‐Gilegale, ukuze nizazi izenzo ezilungileyo zikayehova.
6
Ndiya kuza pambi kwoyehova nganto nina? ndiya kuzitoba kutixo opezulu nganto nina? ndiya kuza pambi kwake ngamadini okutshiswa na? ndiya kuza ngamatole omnyaka mnye na?
7
Wokoliswa uyehova ngamawaka enkunzi zegusha na? ngamawaka alishumi emilambo yeoli na? ndiya kunika owamazibulo wam na ngenxa yesigqito sam? isixakato sombilini wam na ngenxa yesono sompefumlo wam?
8
Ukuxelele, mntundini! into kuyiyo okulungileyo: kekaloku uyehova uyafuna nto nina kuwe, kupela ukwenza okufanelekileyo, nokutanda ububele, nokuhamba notixo wako ngokululamileyo?
9
Ilizwi likayehova liyabiza esixekweni: (olumkileyo wobeka igama lako:) Yivani intonga, nalowo oyimiseleyo.
10
Kuseko na endlwini yokohlakeleyo indyebo zenkohlakalo, neyefa elula, ezondekileyo?
11
Bendiya kuba msulwa na, ndinezilinganiselo ezikohlakeleyo, ndinenxowa yamatye okulinganisa enkohliso?
12
Ngokuba izityebi zaso zizele bubudlwengu, nabemi baso batetile ubuxoki, nolwimi lwabo bubukohliso emlonyeni wabo.
13
Ngako kanjalo ndiya ku kw enza usifa ngokukubeta, ngoku ku ci̔takalisa ngenxa yezono zako.
14
Wena ungatya, kodwa akuyi kuhlutiswa, wauya kubohla pakati kwako; kanjako ungafudusa, kodwa akuyi kusindisa, noko ukusindisayo ndokunikela esiṙeleni.
15
Wena ungahlwayela, kodwa akuyi kuvuna; ungaxovula amanquma, kodwa akuyi kuzitambisa ngeoli; n edreyive z eveyine entsha, kodwa akuyi kusela iveyine.
16
Ngokuba kugciniwe imimiso ka‐Omri, nako konke ukwenza kwendlu ka‐Ahabi; ewe, niyahamba emaqingeni abo: ukuze ndikwenze into yokutelwa nqa, nabemi baso into yokwenzelwa amakwelo; ngako oko niya kutwala ugxekwa lwabantu bam.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7