bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Micah 7
Micah 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
1
Au mna! ngokuba ndinjengokuya kubutiwe iziqa̔mo zehlobo, njengokuya kubikiciwe ekuvunweni kwazo idreyive: akuko isipa sokutyiwa; umpefumlo wam uyakanuka amakiwane avutwa kuqala.
2
Onobubele ububile elizweni; onobunene pakati kwabantu akako; bonke bayalalela igazi; bayazingelana ngotambo.
3
Izandla zabo zikolisile ukwenza inkohlakalo; inkosi iyacela, nomgwebi uyacel ela umvuzo; nomntu omkulu yena uyateta inkanuko yompefumlo wake; bayayipata indawo ngobugwenxa.
4
Odlula ngokulunga pakati kwabo unjengameva; odlula ngobunene u bukali pezu kwotango lweminga; umhla wabalindi bako, owokwohlwaywa kwako, uyeza; kwobako kaloku ukuxakeka kwabo.
5
Ningakolwa kumlingane; ningatembeli kwisihlobo: kulowo ulalayo esifubeni sako gcina ingcango zomlomo wako.
6
Ngokuba unyana ecekisa uyise: intombi iyasukela unina; umolokazana uyasukela unondoda; intshaba zomntu zingabantu beyake indlu.
7
Mna kodwa ndiya kukangela kuyehova; ndiya kumlinda utixo wosindiswa lwam; woti utixo wam andive.
8
Ungandivuyeli, lutshaba lwam! nakuba ndiwile, ndobuya ndipakame; nakuba ndihlala ebumnyameni, uyehova ulukanyiso kum.
9
Ukuṙala kukayehova ndiya kukunyamezela, ngokuba ndonile ngakuye; ade apikise upikiso lwam, alungise ityala lam: wondipumisela ekukanyeni; ndiya kubona ubulungisa bake.
10
Utshabakazi lwam nalo luya kubona, lize idano lilugubungele; olwati kum: Upina uyehova, utixo wako? amehlo am olukangela; kaloku lwoba yinto yokunyatelwa njengenkunkuma yezitarate.
11
Umhla kuya kwakiwa indonga zako, kwa umhla lowo kwopumela kude umteto.
12
Kwa umhla lowo baya kuza kuwe bevela e‐Asiriya kude kube se Jipete, nakuyo i‐Jipete kude kube semlanjeni, nakulwandle kude kube lulwandle, nakwintaba kude kube yintaba.
13
Kodwa ilizwe loba yingci̔takalo ngenxa yabemi balo, ngenxa yesixakato sezenzo zabo.
14
Yalusa abantu bako ngentonga, umhlambi welifa lako, abahlala bodwa ehlatini, pakati kwe‐Karamele; mabadlele e‐Bashane nase‐Gileyadi, njengasemihleni yakudala.
15
Njengasemihleni yokupuma kwako e‐Jipete, ndiya kubabonisa imimangaliso.
16
Abaheyideni baya kubona, badanele onke amandla abo; isandla bosibeka pezu kwomlomo; indlebe zabo zoba butulu.
17
Baya kukota utuli njengenyoka; njengezinambuzane zomhlaba baya kungcangcazela bepuma ezinqatyeni zabo; bobeka ngokunkwantya kuyehova, utixo wetu, bakwoyike wena.
18
Ngubanina ongutixo njengawe, oxolela inkohlakalo, odlula ekwoneni kwesisalela selifa lake? akabambi ingqumbo yake kude kube ngunapakade, ngokuba etanda ububele yena.
19
Wobuya abe nenceba kuti; uya kuzeyisa inkohlakalo zetu; ewe, zonke izono zabo woziposela ezinzulwini zolwandle wena.
20
Uya kunika inyaniso ebixelwa ku‐Yakobi, n obubele obebuxelwa ku‐Abrahame, obufungeleyo kobawo betu kwa kuselokwemihla yakudala.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7