bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Micah 3
Micah 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 4 →
1
NDANDISITI: Yivani ke, nina zintloko zika‐Yakobi, nani bagwebi bendlu ka‐Sirayeli! asi kuko okwenu na ukwazi ubugwebo?
2
Abati okulungileyo bakutiye, nokukohlakeleyo bakutande; abaxwebula intlonze yabo kubo, nenyama yabo ematanjeni abo:
3
abati kanjalo bayidle inyama yabantu bam, bayobule intlonze yabo kubo; namatambo abo bayawapula, bawaxaxele njengasembizeni, nanjengenyama pakati kwongxawo.
4
Oko baya kubiza kuyehova, kodwa akayi kubapendula; uya kufihla ubuso bake kubo ngexesha elo, njengokuba bezikohlakalisile izenzo zabo.
5
Utsho ukuti uyehova ngabo abaprofite abalahlekisa abantu bam, abaluma ngamazinyo abo, bashumayele uxolo; kodwa lowo ongafakeli emilonyeni yabo, bayalungisa imfazwe ngakuye:
6
Ngako oko noba ninobusuku, singabiko isiboniso; noba ninobumnyama, kungabiko ukulaula; ewe, ilanga liya kubatshonela abaprofite, nemini yoba mnyama pezu kwabo.
7
Baya kwandula ababoni ukudana, nabalauli ukumata; bona bonke bogubungela imbovu yabo, ngokuba ingeko impendulo kutixo.
8
Kodwa ngenyaniso ndizele ngamandla ngomoya kayehova; ndizele nalugwebo nokalipo: ukuba ndixele ku‐Yakobi isigqito sake, naku‐Sirayeli isono sake.
9
Yivani ke oku, nina zintloko zendlu ka‐Yakobi, nani bagwebi bendlu ka‐Sirayeli! abazondayo ubugwebo, nako konke okufaneleyo bakwenze gwenxa;
10
besaka i‐Ziyone ngegazi, ne‐Yerusaleme ngenkohlakalo.
11
Intloko zayo ziyagweba ngenxa yamabaso, nabaperisite bayo bayafundisa ngenxa yomvuzo, nabaprofite bayo bayalaula ngenxa yemali: noko bayayama kuyehova, besiti: Uyehova akapakati kwetu na? ububi abuyi kuza pezu kwetu.
12
Ngako oko, ngenxa yenu, i‐Ziyone iya kuku̔tyelwa njeng entsimi, ne‐Yerusaleme yoba zimfumba, nentaba yalendlu yoba yimimango ebuhlati.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7