bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Micah 5
Micah 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 6 →
1
Kaloku zihlanganise ngamabandla, ntombi yamabandla! sibekiwe ekuvingcelekeni: ngoswazi bambetile esidleleni umgwebi wo‐Sirayeli!
2
Nawe, Beteleheme Eferata! umncinane ukuba pakati kwamawaka akwa‐Sirayeli; kodwa kuwe kwopumela kum ukuba ngumpati kwa‐Sirayeli, ozipumo zake zibe zikudala, emihleni yonapakade.
3
Noko wobayekelela kude kube lixesha azeleyo lowo oya kuzala; bandule abazalwana bake abaseleyo babuyele elusatsheni luka‐Sirayeli.
4
Waeya kuma ke, aluse ngamandla kayehova, ngobukulu begama likayehova, utixo wake: babeya kuhlala; ngokuba kaloku eya kuba mkulu kude kube sezincameni zomhlaba.
5
Woba luxolo kwa lowo. Xeshekweni um‐Asiriya aya kungena ezweni letu, naxeshekweni aya kunyatela kuzo izindlukazi zetu, siya kwandula sivuse ngakuye abalusi abasixe̔nxe, namadoda atanjisiweyo asibozo.
6
Baya kugqiba ilizwe le‐Asiriya ngesiṙele, nelizwe lika‐Nimrode ezingenweni zalo: waeya ku si sindisa kum‐Asiriya, okuya aya kungena elizweni letu, nokuya aya kunyatela emideni yetu.
7
Isisalela sika‐Yakobi sobako pakati kwezizwe ezininzi, njengombete uvela kuyehova, njengemvula pezu kwemifuno, engalindeli umntu, engalibaleli onyana babantu kanjako.
8
Ewe, isisalela sika‐Yakobi sobako pakati kwabaheyideni, pakati kwezizwe ezininzi, njengengonyama pakati kwezilo zehlati, njengengonyama entsha pakati kwemihlambi yezimvu, eti, nxa icandayo, inyatele pantsi ke, iqwenge nokuqwenga, kungeko osindisayo.
9
Isandla sako sopakanyiswa pezu kwabayimpi kuwe, nazo zonke intshaba zako ziya kunqanyulwa.
10
Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova, ukuba ndiya kunqamla amahashe ako kwa pakati kwako; nenqwelo zako ndiya kuzitshabalalisa.
11
Ndandiya kuzinqamla izixeko zelizwe lako, nazo zonke inqaba zako ndozici̔ta.
12
Ndiya kubunqamla nobugqi esandleni sako, uze ungabi nabo abalauli.
13
Ndandiya kuyinqamla imifanekiso yako eqingqiweyo nezifanekiso ezimiyo zako kwa pakati kwako; akusayi kupinda ubedeshe umsebenzi wezako izandla.
14
Nemifanekiso yako ka‐Ashera ndoyidonyula kwa pakati kwako, nezixeko zako ndozici̔takalisa.
15
Ndandiya kuyenza impindezelo ngengqumbo nangomsindo pezu kwabaheyideni, abo abangapulapulanga.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7