bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Micah 4
Micah 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 5 →
1
Kwakuya kuti emihleni yokupela, intaba yendlu kayehova yoqiniselwa engcopo yentaba, ipakanyiselwe pezu kwenduli, ziti izizwe zele kuyo.
2
Ewe, zohamba intlanga ezininzi, ziti: Yizani, masinyuke siye entabeni kayehova, nasendlwini yotixo ka‐Yakobi, ukuba asifundise indlela zake, nokuba sihambe emikweni yake; ngokuba umteto uya kupuma e‐Ziyone, nelizwi likayehova e‐Yerusaleme.
3
Waeya kugweba pakati kwezizwe ezininzi, azohlwaye intlanga ezinamandla, ezikude; zide zikande iziṙele zazo zibe ngamakuba, nezikali zazo zibe ngamaṙenqa: olunye uhlanga aluyi kupakamisa isiṙele ngakw olunye uhlanga; kanjalo abantu abasayi kuba safunda ukulwa;
4
kodwa baya kuhlala abanye ngabanye ngapantsi kwomti weveyine wabo, nangapantsi kwomkiwane wabo, kungeko oya kuboyikisa; ngokuba utshilo umlomo kayehova wemikosi.
5
Nakuba zihamba izizwe zonke, ezinye ngezinye, ngegama lotixo wazo, sohamba tina ngegama likayehova, lotixo wetu, kude kube ngunapakade kanapakade.
6
Ngomhla lowo, utsho uyehova, ndiya kuhianganisa abaqwalelayo, ndibabute abagxotiweyo, nabo endibabandezeleyo;
7
ndandiya kubenza abaqwalelayo babe sisisalela, nabo abebefuduselwe kude, babe sisizwe esinamandla: waye uyehova eya kuba ngukumkani pezu kwabo entabeni ye‐Ziyone, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade.
8
Nawe, nqaba yomhlambi, nduli yentombi yase‐Ziyone! kwa kuwe buya kuza, ewe, buya kuza ubukosi bapambili, ubukumkani bentombi yase‐Yerusaleme.
9
KUNGANINA kaloku ukumemeza kwako kangaka? akuko kuwe ukumkani na? amapakati ako abubile na, ukuba ubuhlungu bukubambile njengomfazi oza kuzala?
10
Yiba nobuhlungu, ukupe, ntombi yase‐Ziyone! njengomfazi oza kuzala: ngokuba kaloku uya kupuma esixekweni, uya kuma ezindleni, woya kwa se‐Babilone; kona apo uya kuhlangulwa, kona apo uyehova wokukulula esandleni sentshaba zako.
11
Nakaloku intlanga ezininzi zibutelene ngakuwe, eziti: Maidyojwe; makabonele i‐Ziyone amehlo etu.
12
Kodwa zona azazi amaqinga kayehova, aziliqondi necebo lake; ngokuba eya kuzibuta njengezitungu esibayeni.
13
Suka, ubule ke, ntombi yase‐Ziyone! ngokuba ndiya kulwenza upondo lwako lube sisincete, nempupu zako ndiya kuzenza zibe lubedu; wauya kutyumza izizwe ezininzi; inzuzo yazo ndoyahlukanisele kuyehova, nobutyebi bazo kwinkosi yomhlaba wonke.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7